Exodus第11章

Xhosa

研究内在含义

← Exodus第10章   Exodus第12章 →

1 UYehova wathi kuMoses, Ndisaya kufikisa sibetho sinye phezu koFaro naphezu kweYiputa, emveni koko wonindulula nimke apha; xa anindulula kuphele, uya kunigxotha kanye, nimke apha.

2 Khawuthethe ezindlebeni zabantu, ithi inkazana icele kummelwane wayo, indoda icele kummelwane wayo, iimpahla zesilivere neempahla zegolide.

3 UYehova wabababala abantu emehlweni amaYiputa. Kananjalo indoda leyo inguMoses yayinkulu kunene ezweni laseYiputa kubakhonzi bakaFaro nasebantwini.

4 Wathi uMoses, Utsho uYehova ukuthi, Xa kuphakathi kobusuku, ndiya kuphuma ndihambe phakathi kweYiputa,

5 afe onke amazibulo ezweni laseYiputa, ethabathela kumazibulo kaFaro, ohleliyo etroneni yakhe, ese kumazibulo omkhonzazana osemva kwamatye okusila, namazibulo onke eenkomo;

6 kubekho isikhalo esikhulu ezweni lonke laseYiputa, ekungazanga kubekho sinjalo, kwaye kungayi kuphinda kubekho sinjalo.

7 Ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli, akukho nja iya kubavungamela, kuthabathela emntwini kuse ezinkomeni; ukuze nazi ukuba uYehova uyawahlula amaYiputa kumaSirayeli;

8 behle bonke abakhonzi bakho abo, beze kum, baqubude kum, besithi, Phuma wena nabantu bonke abakulandelayo; ndiphume ke emveni koko. Waza waphuma kuFaro, evutha ngumsindo.

9 UYehova wathi kuMoses, Akayi kuniphulaphula uFaro, ukuze zande izimanga zam ezweni laseYiputa.

10 UMoses noAron bazenza ke ezi zimanga zonke phambi koFaro; uYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe.

← Exodus第10章   Exodus第12章 →
研究内在含义

从斯威登堡的著作主要解释:

Arcana Coelestia 7763

本章评论:

斯威登堡作的本章其他参考:

Arcana Coelestia 1551, 1851, 2353, 2588, 3325, 4335, 6914, ...

Apocalypse Revealed 657, 658

Show Unpublished Work(s)



翻译:
分享: