Ezekiel第17章

研究内在含义

Xhosa     

← Ezekiel第16章   Ezekiel第18章 →

1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2 Nyana womntu, jika iqhina, uzekelise ngomzekeliso kwindlu kaSirayeli, uthi,

3 Itsho iNkosi uYehova ukuthi: Ixhalanga elikhulu, elimaphiko makhulu, elintsiba zolukileyo, eliboya buqhamileyo, buchokochoko, leza eLebhanon, lathabatha amantloko omsedare.

4 Laqhawula eliphezulu emahlamvini awo, lalisa ezweni lakwaKanan, lalimisa emzini wabarhwebi.

5 Lacaphula embewini yelo zwe, layifaka entsimini ehlwayelwayo, layithabatha layisa kumanzi amaninzi, layimisa ngokomngculuba.

6 Yahluma, yaba ngumdiliya onabileyo, omfuphi, ukuze amasebe awo asinge kulo, neengcambu zawo zibe phantsi kwalo; waba ngumdiliya ke, wenza amasebe, waqhama amagqabi.

7 Kwabakho elinye ixhalanga elikhulu, elimaphiko makhulu, linoboya obuninzi. Nango lo mdiliya unabela ngakulo ngeengcambu zawo, ugobela ngakulo amasebe awo, ukuba liwanyele ezindimeni otyewe kuzo.

8 Ubutyelwe entsimini elungileyo wona, ngasemanzini amaninzi, ukuze wenze amasebe, uxakathe iziqhamo, ukuba ube ngumdiliya onguwona unguwo.

9 Yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Womila na? Elaa xhalanga aliyi kuzinyothula na iingcambu zawo, lizinqumle iziqhamo zawo, ubune, athi onke amagqabi amatsha okuhluma kwawo abune, kungabi nangangalo inkulu nangabantu baninzi, ukuwususa ezingcanjini zawo?

10 Yabona, khona utyelwe, womila na? Awuyi kubuna ubune na, wakufikelwa lulophu lwasempumalanga? Uya kubunela ezindimeni ohlume kuzo.

11 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

12 Khawuthi kwindlu eneenkani, Anikwazi na ukuba kuyintoni na oko? Yithi, Yabonani, ukumkani waseBhabheli weza eYerusalem, wamthabatha ukumkani wayo nabathetheli bayo, wabasa kuye eBhabheli.

13 Wathabatha owasembeweni yokumkani, wanqophisana naye, wamfungisa; wathabatha iinjengele zelizwe elo;

14 ukuze bube bubukumkani obuphantsi, ukuze bungaziphakamisi, ukuze awugcine umnqophiso wakhe, ukuze ume wona.

15 Wasuka ke wagwilika kuye ngokuthuma abathunywa bakhe eYiputa, ukuze anikwe amahashe nabantu abaninzi. Woba nempumelelo na? Wosinda na owenze loo nto? Wowaphula umnqophiso, asinde na ke?

16 Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, inyaniso, endaweni yokumkani owamenza ukumkani, osifungo asidelileyo, omnqophiso awaphuleyo, uya kufela kuyo, esazulwini seBhabheli.

17 UFaro akayi kumnceda ngampi inkulu nangasikhungu sikhulu emfazweni, kwakufunjwa udonga lokungqinga, kwakhiwe inqaba zokubonisela; ukuze inqunyulwe imiphefumlo emininzi.

18 Ekubeni esidelile isifungo, ukuba awaphule umnqophiso, yabona, unike isandla sakhe, waza noko wenza zonke ezi zinto; akayi kusinda.

19 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, inyaniso, isifungo sam asidelileyo, nomnqophiso wam awaphuleyo, ndiya kumnika entlokweni yakhe.

20 Ndowutwabulula phezu kwakhe umnatha wam, abanjiswe ngumgibe wam, ndimse eBhabheli, ndimangalelane naye khona ngenxa yomenezo lwakhe, andimenezele ngalo.

21 Baya kuwa likrele bonke abasabileyo bakhe emahlelweni akhe onke, namasalela athiwe saa qhu kwimimoya yonke; nazi ukuba mna Yehova ndithethile.

22 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mna ndiya kuthabatha ke ihlamvu emantloko omsedare omde, ndilimise; emahlamvini awo aphezulu ndiya kuqhawula elithambileyo, ndilityale mna entabeni ephakamileyo, ende.

23 Ndiya kulityala ke entabeni ende yakwaSirayeli, linyuse amasebe, lixakathe iziqhamo, libe ngumsedare ongowona unguwo, zihlale phantsi kwawo zonke iintaka zeentlobo ngeentlobo; ziya kuhlala emthunzini wamasebe awo.

24 Iya kwazi yonke imithi yasendle, ukuba mna Yehova ndiwuthobile umthi ophakamileyo, ndiwuphakamisile umthi omfuphi; ndiwomisile umthi omanzi, ndiwuqhamisile umthi owomileyo. Mna Yehova ndithethile, ndenza.

← Ezekiel第16章   Ezekiel第18章 →
   研究内在含义
斯威登堡著作参考

从斯威登堡的著作主要解释:

The Inner Meaning of the Prophets and Psalms 140


斯威登堡作的本章其他参考:

Arcana Coelestia 40, 368, 776, 885, 2702, 3448, 3901, ...

Apocalypse Revealed 244, 298, 343, 400, 401, 757, 759

Doctrine of the Lord 28

True Christianity 290, 468


来自斯威登堡未发表著作的参考:

Apocalypse Explained 109, 281, 283, 355, 419, 507, 577, ...

The White Horse - Appendix 1

其他作者的评论

  故事:


跳到类似的圣经经文

Genesis 41:6

Deuteronomy 17:16, 28:49

Joshua 9:20

Judges 14:12

1 Samuel 2:7

1 Kings 32, 33

2 Kings 10:15, 24:12, 14, 15, 16, 20

2 Chronicles 36:10

Psalms 2:6

Isaiah 11:1, 31:1, 36:6

Jeremiah 22:23, 23:5, 24:1, 32:4, 34:3, 21, 37:5

Ezekiel 2:5, 5:13, 9:10, 12:9, 13, 14, 16:43, 19:10, 12, 20:40, 21:5, 28, 22:14, 24:3, 14, 29:6, 31:6, 36:36, 37:14

Daniel 4:8, 9

Hosea 12:11

Micah 4:1

Matthew 13:32, 23:12

Mark 4:32

Luke 1:52

词/短语解释

phantsi
Generally speaking things that are seen as lower physically in the Bible represent things that are lower or more external spiritually. In some cases this...

amasebe
A branch (Matt. 24:32) signifies affection, for affection springs and flourishes from good as a branch Springs from its trunk. A branch (Mal. 4:1) denotes...

iziqhamo
We tend to think of "fruit" in two ways in natural language. One is as food that grows on trees and vines, sweet and delicious,...

iingcambu
'A root,' as in Malachi 4:1, signifies charity. The dried up root,' as in Hosea 9:16, 17, signifies charity which could not bear fruit.

ubune
In the Bible (and in life), the idea of withering is usually connected to plants, and plants generally wither if they don't get enough water....

weza
As with common verbs in general, the meaning of “come” in the Bible is highly dependent on context – its meaning is determined largely by...

abathunywa
In the most ancient church, their method of expressing themselves was such, that when they mentioned earthly and worldly things, they thought of the spiritual...

amahashe
'A horse' signifies knowledges or understanding of the Word. In an opposite sense it signifies the understanding of the Word falsified by reasonings, and likewise...

inkosi
The human mind is composed of two parts, a will and an understanding, a seat of loves and affections, and a seat of wisdom and...

UFaro
'Pharaoh' signifies scientific ideas, or the natural principle in general. 'Pharaoh' signifies false ideas infesting the truth of the church. Pharaoh,' in Genesis 40, represents...

imiphefumlo
The nature of the soul is a deep and complicated topic, but it can be summarized as "spiritual life," who we are in terms of...

yabona
The symbolic meaning of "seeing" is "understanding," which is obvious enough that it has become part of common language (think about it; you might see...

isandla
Scientists believe that one of the most crucial developments in the evolution of humans was bipedalism – walking on two legs. That left our hands...

kuwa
Like other common verbs, the meaning of "fall" is highly dependent on context in regular language, and is highly dependent on context in a spiritual...

Yehova
The Lord, in the simplest terms, is love itself expressed as wisdom itself. In philosophic terms, love is the Lord's substance and wisdom is His...

iintaka
"Birds" mean rational concepts in the external man and intellectual concepts in the internal man.

ukuba
‘To grow’ signifies to be perfected.

umthi
'Trees,' in general, signify the perceptions when discussing the celestial self, but when related to the spiritual church, they signify knowledges. A person in the...


翻译: