Genesis 13

Studieren Sie die innere Bedeutung

Xhosa

← Genesis 12   Genesis 14 →

1 Wenyuka uAbram, ephuma eYiputa, yena nomkakhe, neento zakhe zonke, enoLote, esinga kwelasezantsi.

2 UAbram waye esisityebi kunene ngemfuyo, nangesilivere, nangegolide.

3 Wahamba encothula, esuka kwelasezantsi, wafika eBheteli, kuloo ndawo yayikhona intente yakhe matanci, phakathi kweBheteli neAyi,

4 endaweni yesibingelelo awasenzayo khona ekuqaleni. UAbram walinqula khona igama likaYehova.

5 Naye uLote, obehamba noAbram, waye enempahla emfutshane, neenkomo, neentente.

6 Ilizwe elo alaba nakubathwala, ukuba bahlale ndawonye; ngokuba impahla yabo yayininzi, ababa nakuhlala ndawonye.

7 Kwabakho ukubambana phakathi kwabalusi bemfuyo ka-Abram nabalusi bemfuyo kaLote. Ngelo xesha ilizwe lalimiwe ngamaKanan namaPerizi.

8 UAbram wathi kuLote, Makungabikho mbambano kaloku phakathi kwam nawe, naphakathi kwabalusi bam nabalusi bakho; ngokuba singamadoda azalanayo.

9 Aliphambi kwakho na ilizwe lonke? Khawahluke kum; ukuba uya ekhohlo, ndoya ekunene, ukuba uya ekunene, ndoya ekhohlo.

10 ULote waphakamisa amehlo akhe, wawukhangela wonke ummandla waseYordan, ngokuba ubunamanzi wonke, engekayonakalisi uYehova iSodom neGomora, unjengomyezo kaYehova, unjengelizwe laseYiputa, usingise eTsohare.

11 ULote wawunyula wonke ummandla waseYordan; wanduluka uLote waya ngasempumalanga; bahlukana ke.

12 UAbram wahlala ezweni lakwaKanan; uLote wahlala emizini yaloo mmandla, wayisondezela eSodom intente yakhe.

13 Ke kaloku amadoda aseSodom ayengabenzi bobubi, engaboni abakhulu kuYehova.

14 Wathi uYehova kuAbram, emveni kokuba uLote ahlukane naye, Khawuwaphakamise amehlo akho ukuloo ndawo ukuyo, ubhekise entla, nasezantsi, nasempumalanga, nasentshonalanga;

15 ngokuba lonke ilizwe olibonayo ndiya kulinika wena, nembewu yakho, kude kuse ephakadeni;

16 ndiyenze imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, angathi ubani enako ukulubala uthuli lomhlaba, ayibale nembewu yakho.

17 Suka, ulihambe ilizwe ngobude balo nangobubanzi balo; ngokuba ndiya kulinika wena.

18 Wancothula uAbram intente yakhe, waya wahlala ngaseMiokini kaMamre eseHebron, wakhela khona uYehova isibingelelo.

← Genesis 12   Genesis 14 →
   Studieren Sie die innere Bedeutung
Swedenborg

Haupterklärung(en) aus den Werken Swedenborgs:

Arcana Coelestia 1535, 1536, 1537, 1538, 1539, 1541, 1542, ...

The Inner Meaning of the Prophets and Psalms 414, 415


Weitere Verweise Swedenborgs zu diesem Kapitel:

Arcana Coelestia 440, 1025, 1453, 1540, 1680, 2909, 2970, ...

Apocalypse Revealed 503

True Christian Religion 635


References from Swedenborg's unpublished works:

Apocalypse Explained 600, 654, 768

Coronis (An Appendix to True Christian Religion) 41

Anderer Kommentar

  Geschichten:



Hop to Similar Bible Verses

Genesis 12:4, 5, 6, 7, 8, 9, 14:12, 13, 14, 17:2, 6, 18:1, 20, 19:1, 13, 24, 25, 20:15, 22:17, 23:2, 24:1, 35, 26:13, 14, 28:14, 30:43, 32:13, 34:30, 35:27, 36:7

Numbers 13:22, 23:10

Joshua 15:13

1 Samuel 2:17

2 Samuel 1

2 Chronicles 1:9

Job 5:25

Psalms 107:34

Jeremiah 23:14

Acts of the Apostles 7:5

Galatians 3:16

Hebrews 11:9

2 Peter 2:7

Revelation 11:8

Resources for parents and teachers

The items listed here are provided courtesy of our friends at the General Church of the New Jerusalem. You can search/browse their whole library by following this link.


 Abraham and Lot
Activity | Ages 7 - 14

 Abraham and Lot View the Land
Coloring Page | Ages 7 - 14

 Abram and Lot
A New Church Bible story explanation for teaching Sunday school. Includes lesson materials for Primary (3-8 years), Junior (9-11 years), Intermediate (12-14 years), Senior (15-17 years) and Adults.
Teaching Support | Ages over 3

 Abram and Lot
Family lessons provide a worship talk and a variety of activities for children and teens..
Religion Lesson | Ages 4 - 17

 Abram and Lot
Worship Talk | Ages 7 - 14

 God’s Covenant with Abram
A lesson for younger children with discussion ideas and a project.
Sunday School Lesson | Ages 4 - 6

 The Call of Abram
Lesson outline provides teaching ideas with questions for discussion, projects, and activities.
Sunday School Lesson | Ages 7 - 10


Übersetzen