Amanani 28

Studovat vnitřní smysl

← Amanani 27   Amanani 29 →     

1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

2 Bawisele umthetho oonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Umsondezo wam, isonka sam sokudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kum, nokugcina ukuwusondeza kum ngexesha lawo elimisiweyo.

3 Uze uthi kubo, Kuko oku ukudla kwasemlilweni enokusondeza kuYehova: iimvana ezimbini ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo, zemini ngemini, zedini elinyukayo lamaxesha onke;

4 enye imvana woyenza kusasa, eyesibini uyenze lakutshona ilanga;

5 nesahlulo seshumi se-efa somgubo ocoliweyo woba ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli engqushiweyo, esisahlulo sesine sehin.

6 Lidini elinyukayo lamaxesha onke, elamiselwa entabeni yeSinayi ukuba libe livumba elithozamisayo, ukudla kwasemlilweni ke oko kuYehova;

7 nomnikelo walo othululwayo woba sisahlulo sesine sehin kwimvana yokuqala. Wowuthululela engcweleni umnikelo othululwayo, usisiselo esinamandla kuYehova.

8 Eyesibini imvana woyenza lakutshona ilanga. Woyenza ngokomnikelo wokudla wakusasa, nangokomnikelo walo othululwayo, ukudla kwasemlilweni ivumba elithozamisayo ke elo kuYehova.

9 Ke ngomhla wesabatha, nosondeza iimvana ezimbini ezimnyaka mnye, ezigqibeleleyo, nezahlulo zeshumi zibe zibini zomgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, nomnikelo walo othululwayo.

10 Lidini elinyukayo ke elo lesabatha ngesabatha, ndawonye nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo othululwayo.

11 Ekuthwaseni kweenyanga zenu nosondeza kuYehova idini elinyukayo, iinkunzi ezintsha zibe mbini, amathole eenkomo, nenkunzi yemvu ibe nye, neemvana ezigqibeleleyo ezimnyaka mnye zibe sixhenxe;

12 nezahlulo zeshumi zomgubo ocoliweyo zibe zithathu, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, kuyo inkunzi entsha enye yenkomo; nezahlulo zeshumi zomgubo ocoliweyo zibe zibini, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, kuyo inkunzi enye yemvu;

13 nesahlulo seshumi somgubo ocoliweyo ngasinye, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, kuyo imvana enye. Lidini elinyukayo, livumba elithozamisayo, kukudla kwasemlilweni ke oko kuYehova;

14 neminikelo yazo ethululwayo yoba sisiqingatha sehin kuyo inkunzi entsha yenkomo, nesahlulo sesithathu sehin kuyo inkunzi yemvu, nesahlulo sesine sehin yewayini kwimvana. Lilo elo idini elinyukayo lenyanga ngenyanga ezinyangeni zomnyaka.

15 Nenkunzi yebhokhwe exhonti yoba nye, ibe lidini lesono kuYehova; nolenza ndawonye nedini elinyukayo lamaxesha onke nomnikelo walo othululwayo.

16 Ngenyanga yokuqala, ngosuku lweshumi elinesine enyangeni leyo, yipasika kuYehova.

17 Ngomhla weshumi elinesihlanu waloo nyanga ngumthendeleko. Iintsuku ezisixhenxe kodliwa izonka ezingenagwele.

18 Ngomhla wokuqala kobakho intlanganiso engcwele. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza.

19 Nosondeza ukudla kwasemlilweni, idini elinyukayo kuYehova: iinkunzi ezintsha zibe mbini, amathole eenkomo; nenkunzi yemvu ibe nye; neemvana ezimnyaka mnye, zibe sixhenxe; zoba zezigqibeleleyo kuni.

20 Nowenza umnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo, nezahlulo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu.

21 Wosenza isahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana enye, kuzo iimvana ezisixhenxe.

22 Nenkunzi yebhokhwe yoba nye, ibe lidini lesono lokunicamagushela nina.

23 Nowenza wona ngaphandle kwedini elinyukayo lakusasa, elileledini elinyukayo lamaxesha onke.

24 Niya kwenjenjalo imihla yonke, ngaloo mihla isixhenxe, isonka sokudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova, nenze ndawonye nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo othululwayo.

25 Ngomhla wesixhenxe kobakho intlanganiso engcwele kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza.

26 Ngomhla wokushwama, ekuwusondezeni kwenu umnikelo wokudla okutsha kuYehova, emthendelekweni wenu weeveki, kobakho intlanganiso engcwele kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza.

27 Nosondeza idini elinyukayo libe livumba elithozamisayo kuYehova: iinkunzi ezintsha zibe mbini, amathole eenkomo; nenkunzi yemvu ibe nye;

28 neemvana ezimnyaka mnye zibe sixhenxe: nomnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo inye,

29 nezahlulo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu inye, nesahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana enye, kuzo iimvana ezisixhenxe.

30 Nenkunzi yebhokhwe exhonti yoba nye, yokunicamagushela.

31 Ezo nto nozenza ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla (zoba zezigqibeleleyo kuni), neminikelo yazo ethululwayo.

← Amanani 27   Amanani 29 →
   Studovat vnitřní smysl

Explanation of Numbers 28      

Napsal(a) Henry MacLagan

Verses 1-8. Revelation and thence perception concerning the worship of the Lord generally through the reception of innocence from Him in every state of brightness and in every state of obscurity throughout the course of regeneration.

Verses 9-10. Concerning this worship from a state of love and charity, in addition to the general state.

Verses 11-15. Also concerning worship from a state of faith conjoined with charity which is in greater fullness, and is yet implied and involved in the general state.

Verses 16-25. The first general state of the regeneration of man and worship therein is described, it being also involved in the most general state, and having reference to his deliverance from evil by the work of redemption through the assumption of the Human by the Lord.

Verses 26-31. Concerning the second general state of the regeneration of man, which is that of the implantation of truth in good, and his worship of the Lord in that state, which is also involved in the most general state.

Swedenborg

Hlavní výklad ze Swedenborgových prací:

Arcana Coelestia 922, 8680, 10132

Apocalypse Revealed 778


Další odkazy Swedenborga k této kapitole:

Arcana Coelestia 925, 1071, 2165, 2177, 2276, 2280, 2342, ...

Apocalypse Revealed 242, 278, 316, 468, 623

Heaven and Hell 287

True Christian Religion 707

The New Jerusalem and its Heavenly Doctrine 221


Odkazy ze Swedenborgových nevydaných prací:

Apocalypse Explained 279, 314, 324, 365, 376, 504, 817, ...

Jiný komentář

  Příběhy:



Skočit na podobné biblické verše

IEksodus 12:6, 11, 15, 16, 23:16, 29:38

ILevitikus 1:3, 9, 13, 17, 2:1, 3:11, 16:15, 16, 21:6, 8, 23:7, 8, 15, 16, 27:34

Amanani 7:13, 15:4, 5, 6, 28:15, 30, 29:5, 16, 39

IDuteronomi 16:2, 9, 10

2 Kumkani 4:23

EyokuQala yeziKronike 23:31

2 yeziKronike 2:3, 23:18, 31:3, 35:12

UEzra 3:2, 5

UNehemiya 10:34

IiNdumiso 81:4

UIsaya 1:13

UHezekile 45:17, 23, 46:4, 6

UDaniel 8:11

Yoweli 1:13

Amosi 4:4

UMateyu 12:5, 26:17

NguLuka 22:15

NguYohane 2:13, 6:4, 13:1

Významy biblických slov

umthetho
To command is to give an order that something must be done, and is directed to an individual, or a group. It is an imperative,...

Oonyana
'A son,' as in Genesis 5:28, signifies the rise of a new church. 'Son,' as in Genesis 24:3, signifies the Lord’s rationality regarding good. 'A...

isonka
The word “bread” is used two ways in the Bible. In some cases it means actual bread; in others it stands for food in general....

ivumba
Fragrance means the affection of truth derived from good.

iimvana
'A lamb' signifies the good of the innocence of infancy. 'A lamb' signifies the Lord regarding His divine humanity. The lamb,' as in Revelation 8:11,...

imvana
'A lamb' signifies the good of the innocence of infancy. 'A lamb' signifies the Lord regarding His divine humanity. The lamb,' as in Revelation 8:11,...

kusasa
Morning comes with the rising of the sun, and the sun – which gives life to the earth with its warmth and light – represents...

ngomhla wesabatha
In Exodus 31:13, 'verily my Sabbaths ye shall keep,' signifies continuous holy thought about the union of the Lord’s divine with His human.

Mbini
The number "two" has two different meanings in the Bible. In most cases "two" indicates a joining together or unification. This is easy to see...

Nye
A company might have executives setting policy and strategy, engineers designing products, line workers building them, managers handling personnel and others handling various functions. They...

iintsuku
"Day" describes a state in which we are turned toward the Lord, and are receiving light (which is truth) and heat (which is a desire...

zoba
"Drawing" is used a number of different ways in the Bible, generally in the sense of pulling, leading or moving: People most commonly draw water,...

Isixhenxe
The number 'seven' was considered holy, as is well known, because of the six days of creation, and the seventh, which is the celestial self,...


Přeložit: