1
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2
Thetha kuAron nakoonyana bakhe, nokoonyana bonke bakaSirayeli, uthi kubo, Lilo eli ilizwi uYehova awise umthetho ngalo, lokuthi:
3
Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli osukuba exhela inkomo, nemvu, nebhokhwe, eminqubeni, nosukuba eyixhelela ngaphandle kweminquba,
4
angayizisi emnyango wentente yokuhlangana, ukuba isondezwe ibe ngumsondezo kuYehova phambi komnquba kaYehova: igazi lobalelwa kuloo mntu; aphalaze igazi ; wonqanyulwa loo mntu, angabikho phakathi kwabantu bakowabo;
5
ukuze oonyana bakaSirayeli bayizise imibingelelo yabo abayibingelelayo ezindle, bayizise kuYehova emnyango wentente yokuhlangana kumbingeleli, bayibingelele ibe yimibingelelo yoxolo kuYehova.
6
Umbigeleli wolitshiza igazi layo esibingelelweni sikaYehova, emnyango wentente yokuhlangana, aqhumisele ngenqatha, libe livumba elithozamisayo kuYehova.
7
Mabangabi sayibingelela imibingelelo yabo kwizithixo ezimaxhonti, abahenyuza ngokuzilandela. Lowo woba ngummiselo ongunaphakade kubo ezizukulwaneni zabo.
8
Wothi kubo, Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli, nowakubaphambukeli abaphambukele phakathi kwenu, osukuba enyusa idini elinyukayo, nokuba ngumbingelelo,
9
angalizisi emnyango wentente yokuhlangana, ukuba alinikele kuYehova: wonqanyulwa loo mntu, angabikho phakathi kwabantu bakowabo.
10
Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli, nowakubaphambukeli abaphambukele phakathi kwenu, osukuba esidla yonke into eligazi: ndowuchasa umphefumlo odle igazi , ndiwunqamle, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.
11
Kuba umphefumlo wenyama usegazini wona. Mna ndaninika lona esibingelelweni, ukuba kucanyagushelwe imiphefumlo yenu; kuba igazi eli licamagusha ngomphefumlo.
12
Ngenxa yoko ndithe koonyana bakaSirayeli, Makungabikho namnye umphefumlo kuni odla igazi ; nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu makangalidli igazi .
13
Umntu ngomntu koonyana bakaSirayeli, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu, osukuba ezingela inyamakazi , nokuba yintaka edliwayo, woliphalaza igazi layo, aliselele ngomhlaba.
14
Kuba umphefumlo wenyama yonke, igazi layo eli ngumphefumlo wayo. Ndathi ke koonyana bakaSirayeli, Ize ningadli gazi lanyama nokuba yiyiphi; ngokuba umphefumlo wenyama yonke ligazilayo. Bonke abalidlayo bonqanyulwa.
15
Wonke ubani osukuba esidla into ezifeleyo, neqwengiweyo, engozalelwe ekhaya nomphambukeli, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise; wohlambuluka ke.
16
Ukuba akathanga azihlambe, akawuhlamba umzimba wakhe, wobuthwala ubugwenxa bakhe.