1
Oko uSirayeli ebemncinane, ndamthanda, ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.
2
Bababiza, kwaba kukhona bemkayo ebusweni babo; babingelela kooBhahali, baqhumisela kwimifanekiso eqingqiweyo.
3
Mna ke ndamfundisa uEfrayim ukuhamba , ndibaphatha ngeengalo zam; abazanga noko, ukuba ndabaphilisa.
4
Ndabatsala ngezintya zomntu, ngeentsontelo zothando; kubo ndaba njengomnyinyisi wedyokhwe emihlathini yabo, ndathantamisa ukumnika ukudla.
5
Akayi kubuyela ezweni laseYiputa; nguAsiriya ukumkani wakhe; kuba abavumanga ukubuya.
6
Ikrele liya kuyijikeleza imizi yakhe, liyigqibele imivalo yakhe, liyidle, ngenxa yamacebo abo.
7
Abantu bam baphikele ukubuya umva kum; nakuba bebizelwa phezulu , abaziphakamisi mpela.
8
Ndingathini na ukukulahla, Efrayim? ndikuncame, Sirayeli ? Ndingathini na ukukulahla njengeAdama, ndikwenze ube njengeTsebhoyim? Intliziyo yam iphethukile phakathi kwam, ububele bam buvuthile kunye.
9
Andiyi kukwenza ukuvutha komsindo wam, andiyi kubuya ndimonakalise uEfrayim ; ngokuba ndinguThixo, andimntu; ndingoyiNgcwele phakathi kwakho; andizi ndishushu ngamsindo.
10
Baya kumlandela uYehova; uya kubharhula njengengonyama ; kuba yena uya kubharhula, bavele entshonalanga oonyana , begubha.
11
Baya kuvela eYiputa, begubha njengeentaka, bavele ezweni laseAsiriya njengamavukuthu, ndibabeke ezindlwini zabo; utsho uYehova.
12
UEfrayim undirhawule ngobuxoki, indlu kaSirayeli ngenkohliso; noYuda usengumqhathu kuThixo, koyiNgcwele, onyanisileyo.