IGenesis 45

Studovat vnitřní smysl

Xhosa     

← IGenesis 44   IGenesis 46 →

1 UYosefu akabanga nakuzibamba phambi kwabo bonke ababemi ngakuye. Wadanduluka wathi, Khuphani bonke abantu, bemke kum. Akwabakho mntu umi ngakuye ekuzaziseni kukaYosefu kubazalwana bakhe.

2 Wasibeka isililo; eva amaYiputa, yeva nendlu kaFaro.

3 Wathi uYosefu kubazalwana bakhe, NdinguYosefu; usaphilile na ubawo? Ababa nako ukumphendula abazalwana bakhe; kuba bakhwankqiswa phambi kwakhe.

4 Wathi, uYosefu kubazalwana bakhe, Khanisondele kum apha. Basondela. Wathi, NdinguYosefu, umzalwana wenu, enathengisayo ngaye eYiputa.

5 Ngoko musani ukuba buhlungu, ningaziqumbeli, ukuba nathengisa ngam apha; kuba uThixo wandithuma phambi kwenu ukuze ndisindise abantu.

6 Kuba ngoku iminyaka mibini indlala ikho phakathi kwelizwe; isemihlanu iminyaka ezayo, ekungayi kubakho kulima nakuvuna ngayo.

7 UThixo undithume phambi kwenu, ukuba ndinimisele amasalela ezweni, ukuba ndisindise ubomi benu, ibe kukusinda okukhulu.

8 Ngoko ke asinini abandithume apha, nguThixo; wandenza uyise kuFaro, nenkosi phezu kwayo yonke indlu yakhe, nomlawuli ezweni lonke laseYiputa.

9 Khawulezani, ninyuke niye kubawo, nithi kuye, Utsho unyana wakho uYosefu ukuthi, UThixo undenze inkosi kuyo yonke iYiputa; yihla uze kum, musa ukulibala.

10 Wohlala ezweni laseGoshen, ube kufuphi kum, wena, noonyana bakho, noonyana boonyana bakho, nempahla yakho emfutshane, neenkomo zakho, nezinto zonke onazo;

11 ndikondle khona, kuba isaya kuba mihlanu iminyaka yendlala; hleze uhlwempuzeke wena, nendlu yakho, nento yonke onayo.

12 Yabonani, amehlo enu ayabona, namehlo omninawa wam uBhenjamin, ukuba ngumlomo wam lo uthethayo kuni.

13 Nize nimxelele ubawo lonke uzuko lwam eYiputa, nezinto zonke enizibonileyo, nikhawuleze nihle nobawo, eze apha.

14 Wawa entanyeni kaBhenjamin, umninawa wakhe, walila; uBhenjamin walila entanyeni yakhe.

15 Wabanga bonke abazalwana bakhe, walila phezu kwabo. Emveni koko, abazalwana bakhe bathetha naye.

16 Lavakala izwi endlwini kaFaro, lisithi, Bafikele abazalwana bakaYosefu. Kwalunga oko emehlweni kaFaro, nasemehlweni abakhonzi bakhe.

17 Wathi uFaro kuYosefu, Yithi kubazalwana bakho, Yenzani oku: bophani amaqegu enu, nihambe niye ezweni lakwaKanan,

18 nithabathe uyihlo nezindlu zenu, nise kum apha. Ndoninika izinto ezilungileyo zelizwe laseYiputa, nidle ukutyeba kwelizwe.

19 Wena ke uwiselwe umthetho, yenzani oku; bathabatheleni abantwana benu, nabafazi benu, iinqwelo ezweni laseYiputa, nithwale uyihlo, nize.

20 Iliso lenu malingabi nanceba empahleni yenu, kuba zonke izinto ezilungileyo zelizwe lonke laseYiputa zezenu.

21 Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli. UYosefu wabanika iinqwelo ngokomthetho kaFaro; wabanika nomphako wendlela.

22 Wabanika bonke elowo iingubo zokukhululana. Wamnika uBhenjamin iisilivere ezimakhulu mathathu, neengubo ezintlanu zokukhululana.

23 Kuyise wathumela ezilolu hlobo: amaesile alishumi, ethwele izinto ezilungileyo zaseYiputa, neemazi zamaesile ezilishumi, zithwele ingqolowa, nesonka, nomphako kayise wendlela.

24 Wabandulula ke abazalwana bakhe, bahamba; wathi kubo, Ize ningaxabani endleleni.

25 Benyuka, bemke ke eYiputa, bafika ezweni lakwaKanan kuYakobi uyise.

26 Bamxelela besithi, UYosefu usahleli; ewe, ungumphathi welizwe lonke laseYiputa. Yaqoba intliziyo yakhe, kuba ebengakholwa ngabo.

27 Bawathetha kuye onke amazwi kaYosefu, abewathethile kubo. Wazibona iinqwelo abezithumele uYosefu, ukuba zimthwale; waza waphila umoya kaYakobi uyise.

28 Wathi uSirayeli, Kwanele. UYosefu unyana wam usahleli. Ndiya kuya ndimbone, ndingekafi.

← IGenesis 44   IGenesis 46 →
   Studovat vnitřní smysl
Swedenborg

Hlavní výklad ze Swedenborgových prací:

Arcana Coelestia 5867, 5868, 5869, 5870, 5871, 5872, 5876, ...


Další odkazy Swedenborga k této kapitole:

Arcana Coelestia 4286, 4592, 5710, 5873, 5874, 5875, 5882, ...

The Lord 47

Jiný komentář

  Příběhy:



Skočit na podobné biblické verše

IGenesis 27:28, 33:4, 37:28, 41:37, 41, 43, 42:23, 24, 29, 43:34, 45:8, 26, 46:5, 28, 30, 34, 47:1, 4, 6, 12, 48:11, 50:19, 20, 21

Abagwebi 14:12, 17:10

UEstere 4:14, 10:3

IiNdumiso 105:17

ImiZekeliso 25:25

UIsaya 22:21

UZekariya 12:10

NguLuka 24:11, 39

Izenzo zaBapostile 7:13, 14

2 KwabaseKorinte 2:7

1 Yohane 1:1

Vysvětlení slova/fráze

UYosefu
Joseph, Jacob’s eleventh son, is one of the favorite characters in the Bible, with his troubles, his triumphs over them, and his constant trust in...

uthixo
The Lord is love itself, expressed in the form of wisdom itself. Love, then, is His essence, His inmost. Wisdom - the loving understanding of...

NguThixo
The Lord is love itself, expressed in the form of wisdom itself. Love, then, is His essence, His inmost. Wisdom - the loving understanding of...

indlu
A "house" is essentially a container - for a person, for a family, for several families or even for a large group with shared interests...

utsho
As with many common verbs, the meaning of “to say” in the Bible is highly dependent on context. Who is speaking? Who is hearing? What...

unyana
'A son,' as in Genesis 5:28, signifies the rise of a new church. 'Son,' as in Genesis 24:3, signifies the Lord’s rationality regarding good. 'A...

inkosi
In most cases, a "master" in the Bible refers to truth: knowledge, an understanding of the situation at hand, an understanding of the Lord's wishes,...

Amehlo
It’s common to say “I see” when we understand something. And indeed, “seeing” in the Bible represents grasping and understanding spiritual things. So it makes...

UBhenjamin
Also, Benjamin signifies the Word in its ultimate sense (Deut. 33:12)

UFaro
'Pharaoh' signifies scientific ideas, or the natural principle in general. 'Pharaoh' signifies false ideas infesting the truth of the church. Pharaoh,' in Genesis 40, represents...

ukutyeba
Fat signifies the celestial principle. Fat things, full of marrow, signify goodnesses. Fat and blood signify interior goods and truths, and hence the Israelites, prior...

umthetho
To command is to give an order that something must be done, and is directed to an individual, or a group. It is an imperative,...

iliso
It’s common to say “I see” when we understand something. And indeed, “seeing” in the Bible represents grasping and understanding spiritual things. So it makes...

Oonyana
'A son,' as in Genesis 5:28, signifies the rise of a new church. 'Son,' as in Genesis 24:3, signifies the Lord’s rationality regarding good. 'A...

iingubo
'Robes,' as in Revelation 7, signify truths of defense. Before they were washed they signified falsities. People in falsities from ignorance in the spiritual world,...

ethwele
Like many verbs, the spiritual meaning of "bearing" something depends greatly on context – what it is that's being borne, and why. It is further...

Intliziyo
The heart means love. A good heart means love to the Lord and to the neighbor while a hard or stony heart means the love...

Umoya
Because a nearer and stronger divine influx through the heavens disperses truths among the wicked, 'wind' signifies this dispersion of truth and the resulting conjunction...

Zdroje pro rodiče a učitele

Zde uvedené položky jsou poskytnuty se svolením našich přátel z General Church of the New Jerusalem. Můžete prohledávat/procházet celou knihovnu kliknutím na odkaz this link.


 Bring an Offering of Thanksgiving
Worship Talk | Ages 7 - 14

 Dramatize the Story of Joseph Receiving His Brothers
Retell the story or read selected portions from the Word as the children dramatize the story of the brothers going to Egypt and being reunited with Joseph. 
Activity | Ages 4 - 10

 Family Worship: The Joseph Story
Religion Lesson | All Ages

 Food for the Soul
Spiritual tasks offer a reflection on a Biblical story and suggest a task for spiritual growth.
Activity | Ages over 18

 Joseph Forgives His Brothers
If we love the Lord and try to obey His commandments, He will be with us to turn even our bad experiences into things that are good for us, that will prepare us for heaven.
Worship Talk | Ages 7 - 14

 Joseph Is Reunited with Brothers
This lesson discusses a story from the Word and suggests projects and activities for young children.
Sunday School Lesson | Ages 4 - 6

 Joseph Reveals Himself - Level A
Complete lesson with activity choices: sing an action song about Joseph's family reunion (video demonstration), make a trifold picture that shows Joseph revealing himself to his brothers, scripted story discussion, coloring picture, and a memory verse.
Sunday School Lesson | Ages 4 - 6

 Joseph Reveals Himself - Level B
Complete lesson with activity choices: try a water experiment to see how the Lord's forgiveness works (video demonstration), make a trifold picture that shows Joseph revealing himself to his brothers, do a "wrinkled heart" activity to show how hard it can be to heal hurt feelings, scripted story discussion, coloring picture, and a memory verse.
Sunday School Lesson | Ages 7 - 10

 Joseph Reveals Himself - Level C
Complete lesson with activity choices: watch and discuss a video about what Benjamin represents and how we need that quality in our lives, read several scenarios written in the style of news headlines and consider whether various actions should be forgiven or whether another response is called for, read a door handle sign with the Prayer of Saint Francis reflect on how you can forgive others, and a scripted story discussion.
Sunday School Lesson | Ages 11 - 14

 Joseph Reveals Himself - Level D
Complete lesson with activity choices: watch and discuss a video about what Benjamin represents and how we need that quality in our lives, consider how true ideas can connect us with the Lord and help us get to heaven, read a door handle sign with the Prayer of Saint Francis reflect on how you can forgive others, and a scripted story discussion.
Sunday School Lesson | Ages 15 - 17

 Joseph Welcomes His Family
Lesson outline provides teaching ideas with questions for discussion, projects, and activities.
Sunday School Lesson | Ages 7 - 10

 Qualities of the Lord
Look at colored pictures of stories from the Word. Using a word bank, identify the quality of the Lord shown in each picture.
Project | Ages 9 - 14

 The Story of Joseph
Examining the life and character of Joseph teaches us about how the Lord leads each of our lives.
Worship Talk | Ages over 18


Přeložit: