Genesis 22

Studovat vnitřní smysl

Xhosa     

← Genesis 21   Genesis 23 →

1 Kwathi emveni kwezo nto, uThixo wamvavanya uAbraham, wathi kuye, Abraham; wathi yena, Ndilapha.

2 Wathi, Khawuthabathe unyana wakho, emnye kuwe, omthandayo, uIsake, uhambe uye ezweni laseMoriya, umnyuse khona abe lidini elinyukayo phezu kwentaba endokuxelela yona.

3 Wavuka uAbraham kusasa, walibopha iesile lakhe, wathabatha amabini kumadodana akhe, noIsake unyana wakhe, wacanda iinkuni zedini elinyukayo, wesuka waya endaweni abemxelele yona uThixo.

4 Ngomhla wesithathu uAbraham wawaphakamisa amehlo akhe, wayibona loo ndawo ikude.

5 Wathi uAbraham kumadodana akhe, Hlalani nina apha ne-esile; mna nomfana lo soya phaya, sinqule, sibuye size kuni.

6 Wazithabatha uAbraham iinkuni zedini elinyukayo, wazibeka phezu koIsake unyana wakhe, waphatha umlilo ngesandla, nesitshetshe, bahamba bobabini ndawonye.

7 Watsho uIsake kuAbraham uyise ukuthi, Bawo. Wathi yena, Ndilapha, nyana wam. Wathi, Nangu umlilo neenkuni; iphi na ke imvu yedini elinyukayo?

8 Wathi uAbraham, UThixo wozibonela imvu yedini elinyukayo, nyana wam. Bahamba bobabini ndawonye.

9 Bafika endaweni abemxelele yona uThixo, wakha khona uAbraham isibingelelo, wazicwangcisa iinkuni, wambopha uIsake unyana wakhe, wambeka esibingelelweni phezu kweenkuni.

10 Wasolula uAbraham isandla sakhe, wathabatha isitshetshe, ukuba amsike unyana wakhe.

11 Samemeza kuye isithunywa sikaYehova sisemazulwini, sathi, Abraham, Abraham.

12 Wathi, Ndilapha. Sathi, Musa ukusisa isandla sakho kumfana, musa ukumenza nto, kuba ndiyazi ngoku ukuba uyamoyika uThixo; akunqabanga nonyana akho kum, emnye kuwe.

13 UAbraham waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nantso inkunzi yegusha ngasemva, ibambeke ngeempondo etyholweni; waya uAbraham, wayithabatha inkunzi yegusha, wayinyusa ukuba ibe lidini elinyukayo esikhundleni sonyana wakhe.

14 UAbraham wathi igama laloo ndawo linguYehova ozibonelayo ekuthiwa nanamhla, Entabeni abonakala kuyo uYehova.

15 Samemeza isithunywa sikaYehova kuAbraham okwesibini sisemazulwini sathi,

16 Ndizifungile, utsho uYehova, ngenxa enokuba uyenzile le nto, akwanqaba nonyana wakho, emnye kuwe:

17 ukuba ndiya kukusikelela ndikusikelele; ndiya kuyandisa ndiyandise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle; imbewu yakho ilidle ilifa isango leentshaba zayo;

18 zisikelelwe ngembewu yakho zonke untlanga zehlabathi, ngenxa enokuba uliphulaphule ilizwi lam.

19 Wabuyela uAbraham kumadodana akhe, besuka baya bendawonye eBher-shebha, wahlala uAbraham eBher-shebha.

20 Kwathi emva kwezi zinto, kwaxelwa kuAbraham kwathiwa, Yabona, uMilka ukwazele naye kuNahore, umninawa wakho, abantwana:

21 u-Utse owamazibulo akhe, noBhuzi umninawa wakhe, noKemuweli uyise ka-Aram,

22 noKesede, noHazo, noPildashe, noYidelafu, noBhetuweli

23 (uBhetuweli ke wazala uRebheka); abo bosibhozo uMilka wamzalela uNahore, umninawa ka-Abraham.

24 Ishweshwe lakhe, eligama linguRehuma, lazala nalo uTebha, noGaham, noTahashe, noMahaka.

← Genesis 21   Genesis 23 →
   Studovat vnitřní smysl
Swedenborg

Další odkazy Swedenborga k této kapitole:

Arcana Coelestia 796, 921, 1025, 2723, 2724, 2766, 2767, ...

Faith 50


References from Swedenborg's unpublished works:

Apocalypse Explained 768

Jiný komentář

  Příběhy:


  Duchovní témata:




Hop to Similar Bible Verses

Genesis 11:27, 29, 12:2, 3, 13:16, 15:1, 5, 21:3, 14, 24:10, 15, 60, 25:20, 26:4, 5, 27:29, 28:2, 31:11, 32:13, 37:13, 46:2, 48:16

Exodus 3:4, 32:13

Deuteronomy 1:10, 11, 13:18

Joshua 3:1

Judges 2:1

1 Samuel 3:4

2 Samuel 17:11

1 Kings 4:20

2 Kings 2:6, 3:27

1 Chronicles 27:23

2 Chronicles 3:1

Nehemiah 9:23

Isaiah 6:8, 45:23, 48:19

Jeremiah 4:2, 22:5, 25:20, 23

Hosea 2:1

Micah 7:20

Matthew 3:17

Luke 1:73

Acts of the Apostles 3:25, 9:10

Romans 4:13

Galatians 3:8, 16

Hebrews 6:13, 14, 11:12, 17

James 2:21

Resources for parents and teachers

The items listed here are provided courtesy of our friends at the General Church of the New Jerusalem. You can search/browse their whole library by following this link.


 Abraham and Isaac
Worship Talk | Ages 7 - 14

 Abraham’s Sacrifice
Worship Talk | Ages 7 - 14

 Isaac Almost Loses His Life
Coloring Page | Ages 7 - 14

 Sacrifices for the Lord
Family lessons provide a worship talk and a variety of activities for children and teens..
Religion Lesson | Ages 4 - 17

 Sacrifices for the Lord
Worship Talk | Ages 7 - 14

 The Sacrifice of Isaac
A New Church Bible story explanation for teaching Sunday school. Includes lesson materials for Primary (3-8 years), Junior (9-11 years), Intermediate (12-14 years), Senior (15-17 years) and Adults.
Teaching Support | Ages over 3

 The Sacrifice of Isaac
Lesson outline provides teaching ideas with questions for discussion, projects, and activities.
Sunday School Lesson | Ages 7 - 10


Přeložit: