UHezekile 31

Studovat vnitřní smysl

       

1 Ke kaloku kwathi, ngomnyaka weshumi elinamnye, ngenyanga yesithathu, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2 Nyana womntu, yithi kuFaro ukumkani waseYiputa, nakwingxokolo yakhe, Ufana nabani na ngobukhulu bakho?

3 Uyabona, uAsiriya ebengumsedare waseLebhanon, omasebe mahle, eyintshinyela yemithi enomthunzi, ephakamile ngobude; aba phakathi kweengqimba zamafu amantloko akhe.

4 Amanzi amkhulisa, Amanzi enzonzobila amphakamisa, imilambo yawo yahamba ngeenxa zonke elutyalweni lwawo, athumela imijelo yawo kuyo yonke imithi yasendle.

5 Ngako oko, ubude bakhe baphakama, baba ngaphezu kwayo yonke imithi yasendle; iimbaxa zakhe zanda, namahlamvu akhe aba made, ngenxa yamanzi amaninzi ekunabeni kwakhe.

6 Zonke iintaka zezulu zakha ezimbaxeni zakhe, zonke izinto eziphilileyo zasendle zazakhela phantsi kwamahlamvu akhe; zonke iintlanga ezinkulu zahlala emthunzini wakhe.

7 Wamhle ngobukhulu bakhe, ngobude bamasebe akhe; ngokuba ingcambu yakhe yabe isemanzini amaninzi.

8 Imisedare esemyezweni kaThixo ayimsithanga; imisipres ayifananga neembaxa zakhe, nemipleyini ayibanga njengamahlamvu akhe; yonke imithi emyezweni kaThixo ayifananga naye ngobuhle bayo.

9 Ndamenza mhle ngobuninzi bamasebe akhe, yaba nomona ngaye yonke imithi yase-Eden, esemyezweni kaThixo.

10 Ngako oko yatsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba eziphakamisile ngobude, wawanyusela amantloko akhe phakathi kweengqimba zamafu, yazinyusa intliziyo yakhe ngokuphakama kwakhe:

11 ndiya kumnikela esandleni senjengele yeentlanga; inene, iya kumphatha ngesiko layo; ndamgxotha ngenxa yokungendawo kwakhe.

12 Bamnqumla abasemzini, abangcangcazelisi basezintlangeni bamlahla. Ezintabeni nasemifuleni yonke awa amasebe akhe; amahlamvu akhe aphukela ezihlanjeni zehlabathi lonke; zehla zemka emthunzini wakhe zonke izizwe zehlabathi, zamlahla.

13 Phezu kwesibili sakhe esiwileyo kuhlala zonke iintaka zezulu, zifike emahlamvini akhe zonke izinto eziphilileyo zasendle;

14 ukuze ingaziphakamisi ngenxa yobude bayo yonke imithi yasemanzini, ingawanyuseli phakathi kweengqimba zamafu amantloko ayo, ingazimeli ngokwayo ekuziphakamiseni kwayo, yonke esela amanzi. Ngokuba bonke bephela banikelwe ekufeni, ezweni langaphantsi, phakathi koonyana baka-Adam, kwabahle baya embadini.

15 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngemini yokuhla kwakhe ukuya kwelabafileyo, ndabanga isijwili; ndawagqubuthela ngenxa yakhe amanzi anzongonzongo, ndathintela imilambo yawo, avingcelwa amanzi amakhulu. Ndayambathisa iLebhanon ngezimnyama zokuzila ngenxa yakhe, yonke imithi yasendle yetha amandla ngenxa yakhe.

16 Ngesithonga sokuwa kwakhe ndazinyikimisa iintlanga, ekumhliseleni kwam ukuba aye kwelabafileyo, nabahle baya emhadini; yathuthuzeleka ezweni langaphantsi yonke imithi yase-Eden, enyuliweyo emihle yaseLebhanon, yonke esela amanzi.

17 Nabo njengaye behla baya kwelabafileyo, kwababuleweyo ngekrele; ababeyingalo yakhe, behleli emthunzini wakhe phakathi kweentlanga.

18 Kunjalonje, ufana nabani na ngobuqaqawuli nangobukhulu emithini yase-Eden? Uya kuhliselwa nemithi yase-Eden ezweni langaphantsi; uya kulala phakathi kwabangalukileyo, kwanababuleweyo ngekrele. NguFaro ke lowo, nengxokolo yakhe yonke; itsho iNkosi uYehova.

   Studovat vnitřní smysl
Swedenborg

Hlavní výklad ze Swedenborgových prací:

Apocalypse Explained 654

Apocalypse Revealed 503

The Inner Meaning of the Prophets and Psalms 154


Další odkazy Swedenborga k této kapitole:

Arcana Coelestia 46, 108, 119, 130, 756, 776, 908, ...

Apocalypse Revealed 90, 312, 409, 567, 757

Divine Love and Wisdom 325

Doctrine of the Lord 4, 28

Doctrine of Faith 54

True Christian Religion 82, 467, 635


Odkazy ze Swedenborgových nevydaných prací:

Apocalypse Explained 110, 175, 372, 388, 518, 538, 650, ...

Coronis (An Appendix to True Christian Religion) 3, 27, 41, 58

Marriage 82

Scriptural Confirmations 9, 74

Jiný komentář

  Příběhy:


  Biblická studia:  (see all)


Skočit na podobné biblické verše

IiNdumiso 104:17

UIsaya 14:8, 15, 18:6, 19:19

NguYeremiya 43:8, 46:1

IZililo 4:20

UHezekile 8:1, 17:23, 26:16, 18, 28:7, 13, 32:32

UDaniel 4:7, 11, 5:20

UNahomi 3:18

UMateyu 13:32, 23:12

Významy biblických slov

amanzi
Water was obviously of tremendous importance in Biblical times (and every other time). It is the basis of life, the essential ingredient in all drinks,...

imilambo
'Rivers' signify truths in abundance serving the rational self, and so, the understanding, for the purpose of doctrine and life. 'Rivers' or 'floods' signify temptations....

imithi
In general, plants in the Bible represent facts, thoughts and ideas – intellectual things. This makes sense: Plants are rooted in place, but can grow...

Ubude
'Height' signifies the good and truth of the church in every degree.

iintaka
Fowl signify spiritual truth; a bird, natural truth; and a winged thing, sensual truth. Fowl signify intellectual things. Fowl signify thoughts, and all that creeps...

zezulu
"Air" in the Bible represents thought, but in a very general way – more like our capacity to perceive ideas and the way we tend...

phantsi
In the Bible, things that are lower down, or under, physically, generally represent things that are lower or more external spiritually. In some cases, the...

Iintlanga
'Nations' signify people who are in the good of love and charity from the Lord. Two nations in the womb,' as in Genesis 25:23, signify...

ingcambu
'A root,' as in Malachi 4:1, signifies charity. The dried up root,' as in Hosea 9:16, 17, signifies charity which could not bear fruit.

eden
According to the Writings, “Eden” by itself means love, in most cases the love that comes from the Lord and our love for the Lord,...

izizwe
'Nations' signify people who are in the good of love and charity from the Lord. Two nations in the womb,' as in Genesis 25:23, signify...

phakathi
'Middle' denotes what is primary, principal, or inmost.

isijwili
In a general sense, mourning in the Bible represents a state of grief over the lack of desires for good and true ideas about life....


Přeložit: