Ezekiel 25

Xhosa

Studovat vnitřní smysl

← Ezekiel 24   Ezekiel 26 →

1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2 Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho koonyana baka-Amon, uprofete ngabo,

3 uthi koonyana baka-Amon, Liveni ilizwi leNkosi uYehova. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba usithi kwingcwele yam, Tshotsho! ngokuba ihlanjelwe; nakumhlaba wakwaSirayeli, Tshotsho! ngokuba wenziwe kwaba senkangala; nakwindlu yakwaYuda, Tshotsho! ngokuba bathinjiwe:

4 ngako oko, yabona, ndikunikela koonyana basempumalanga, ukuba bamele kuwe, bamise iingqili zabo kuwe, benze neendawo zokuhlala kwabo kuwe. Bona baya kudla iziqhamo zakho, basele amasi akho.

5 Ndiya kuyenza iRabha ibe likriwa leenkamela, eloonyana baka-Amon ndilenze libe yindawo yokubutha kwemihlambi; nazi ukuba ndinguYehova.

6 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba ubethe esandleni sakho, wangqisha ngonyawo, wawuvuyela umhlaba wakwaSirayeli ngokucekisa komphefumlo:

7 ngako oko, yabona, ndisolula phezu kwakho isandla sam, ndikunikele ezintlangeni, ukuba ube lixhoba, ndikunqumle ezizweni, ndikwenze udake, ungabikho emazweni. Ndiya kukutshabalalisa; wazi ukuba ndinguYehova.

8 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba besithi ooMowabhi, noSehire, Yabonani, injengeentlanga zonke indlu yakwaYuda:

9 ngako oko, yabonani, ndivula icala likaMowabhi, ndithabathela emizini yakhe, kwesekupheleni kwakhe, eligugu lelizwe, iBhete-yeshimoti, neBhahali-mehon, ndise eKiriyatayim.

10 Ndolivulela oonyana basempumalanga, kunye neloonyana baka-Amon, ndibanike limiwe, ukuze bangabi sakhunjulwa ezintlangeni oonyana baka-Amon;

11 ndenze izigwebo kwaMowabhi; bazi ukuba ndinguYehova.

12 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba uEdom esebenze ngokuphindezela impindezelo kwindlu yakwaYuda, wazeka ityala elikhulu ngokuphindezela kubo:

13 ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kusolula isandla sam naphezu kwelakwaEdom, ndinqumle kulo umntu nenkomo; ndilibharhise, kuthabathele kwaTeman; bawe likrele, kuse nakwaDedan.

14 Ndiya kuphindezela kwaEdom ngesandla sabantu bam amaSirayeli, benze kwaEdom ngokomsindo wam nangokobushushu bam; bakwazi ke ukuphindezela kwam; itsho iNkosi uYehova.

15 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokwenza kwamaFilisti ngempindezelo, ephindezela ngempindezelo, ecekisa emphefumlweni, esonakalisa, enobutshaba obungunaphakade:

16 ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kusolula isandla sam phezu kwamaFilisti, ndiwanqumle amaKreti, ndiwatshabalalise amasalela aselunxwemeni lolwandle.

17 Ndiya kwenza kuwo iimpindezelo ezinkulu, ezishushu; bazi ukuba ndinguYehova, ekwenzeni kwam impindezelo kuwo.

← Ezekiel 24   Ezekiel 26 →
Studovat vnitřní smysl

Hlavní vysvětlení ze Swedenborgových prací:

Inner Meaning of Prophets and Psalms 148

Komentář k této kapitole:

Příběhy:

Další odkazy Swedenborga k této kapitole:

Arcana Coelestia 1197, 2468, 3762, 4240, 7523, 7673, 9340

Apocalypse Revealed 567

The Lord 28

Ukázat odkazy z nepublikovaných děl Swedenborga


Commentary (pdf)

Bible Study Notes Volume 4


Přeložit:
Sdílet: