UHezekile 11

Studovat vnitřní smysl

       

1 Wandifunqula uMoya, wandisa esangweni lendlu kaYehova langasempumalanga, elibheke empumalanga; nanko, ekungeneni kwesango, kukho amadoda engamashumi amabini anamahlanu. Ndabona phakathi kwawo uYazaniya unyana ka-Azure, noPelatiya unyana kaBhenaya, abathetheli babantu.

2 Wathi kum, Nyana womntu, ngawo la amadoda acinga inkohlakalo, aceba amacebo amabi kulo mzi;

3 atshoyo ukuthi, Alikasondeli ixesha lokwakha izindlu; lo mzi yimbiza, thina ke siyinyama.

4 Ngako oko profetela kuwo, profeta, nyana womntu.

5 Wandiwela ke uMoya kaYehova, wathi kum, Yithi, Utsho uYehova ukuthi, Nitshilo nina, ndlu kaSirayeli; nezinto ezithe qatha emoyeni wenu ndiyazazi mna.

6 Ndibandisile ababuleweyo benu kulo mzi, nazizalisa izitrato zawo ngababuleweyo.

7 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ababuleweyo benu, ebe nibabeka phantsi phakathi kwawo umzi, bayinyama, wona ke uyimbiza; nina niya kukhutshwa phakathi kwawo.

8 Niyaloyika ikrele; ndiya kunizisela ikrele, itsho iNkosi;

9 ndinikhuphe phakathi kwawo, ndininikele esandleni sabasemzini, ndizenze izigwebo kuni.

10 Niya kuwa likrele; ndiya kunigweba emdeni wakwaSirayeli; nazi ukuba ndinguYehova.

11 Wona lo mzi awuyi kuba yimbiza kuni, aniyi kuba yinyama nina phakathi kwawo; ndiya kunigweba emdeni wakwaSirayeli,

12 nazi ukuba ndinguYehova; imimiselo yam anihambanga ngayo, namasiko am anawenza; nesuka nenza ngokwamasiko eentlanga ezingeenxa zonke kuni.

13 Kwathi ke ndakuprofeta, wafa uPelatiya unyana kaBhenaya. Ndawa ngobuso bam, ndakhala ngelizwi elikhulu, ndathi, Awu! Nkosi Yehova! Uyawagqibela kuphele na wena amasalela akwaSirayeli?

14 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

15 Nyana womntu, abazalwana bakho, abazalwana bakho ngamadoda akowenu, nendlu yonke yakwaSirayeli yonke iphela, yona leyo bathi ngayo abemi baseYerusalem, Bakude kuYehova; linikwe thina ilizwe ukuze sime kulo.

16 Ngako oko yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubeni ndibakhwelelisele ezintlangeni, ndabaphangalalisa emazweni, ke ndoba yingcwele kubo umzuzwana omncinane kuloo mazwe baye kuwo.

17 Ngako oko yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kunibutha ezizweni, ndinihlanganise emazweni enilusali kuwo, ndininike umhlaba wakwaSirayeli.

18 Baya kufika kuwo, bazisuse kuwo zonke izinto zawo ezinezothe, namasikizi awo onke.

19 Ndobanika ntliziyo yimbi, ndibeke umoya omtsha ngaphakathi kwenu; ndiyisuse intliziyo yelitye enyameni yabo, ndibanike intliziyo yenyama;

20 ukuze bahambe ngemimiselo yam, bagcine amasiko am bawenze, babe ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo.

21 Ke bona abantliziyo ihamba ngokwentliziyo yezinto zabo ezinezothe, nezingamasikizi abo, ndiya kubanika ngokwendlela yabo entlokweni yabo; utsho uYehova.

22 Iikerubhi zawaphakamisa amaphiko azo, kwaneevili ezingakuzo; ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli baba phezu kwazo ngaphezulu.

23 Benyuka ubuqaqawuli bukaYehova, besuka phakathi komzi, bema entabeni engasempumalanga kuwo umzi.

24 UMoya wandifunqula, wandisa kwelamaKaledi kubathinjwa, ndisembonweni ngoMoya kaThixo. Wenyuka wemka kum umbono ebendiwubona.

25 Ndathetha kubathinjwa onke amazwi kaYehova, abendibonisile.

  

   Studovat vnitřní smysl
Swedenborg

Hlavní výklad ze Swedenborgových prací:

Conjugial Love 26

The Inner Meaning of the Prophets and Psalms 134


Další odkazy Swedenborga k této kapitole:

Arcana Coelestia 1250, 2921, 3813, 4503, 5922, 8408, 8427, ...

Apocalypse Revealed 36, 501, 629, 832, 883, 945

Divine Providence 134

Doctrine of the Lord 28, 39, 49, 52

Doctrine of Life 86

True Christian Religion 93, 143, 157, 705


Odkazy ze Swedenborgových nevydaných prací:

Apocalypse Explained 422, 577, 652, 746, 926, 946, 1045, ...

Coronis (An Appendix to True Christian Religion) 58

Marriage 93

Scriptural Confirmations 2, 4, 22, 52

Jiný komentář

  Příběhy:


Skočit na podobné biblické verše

IGenesis 17:8

IDuteronomi 4:27, 12:30, 28:36, 30:3, 6

2 Kumkani 18:12, 21:2, 9

EyokuQala yeziKronike 28:9

2 yeziKronike 36:14

UEzra 9:7

UNehemiya 33

IiNdumiso 36:5, 139:2

ImiZekeliso 6:15, 10:24

UIsaya 60:21

NguYeremiya 1:13, 24:5, 7, 29:10, 30:22, 31:33, 32:39, 42:16, 17, 52:10

IZililo 4:13

UHezekile 2:2, 3:4, 12, 14, 5:6, 8, 15, 7:3, 8, 8:3, 6, 9:3, 8, 10:19, 11:1, 24, 14:3, 11, 18:31, 20:23, 34, 41, 24:3, 6, 28:25, 33:24, 34:13, 36:26, 37:1, 23, 27, 40:6, 43:2

UHoseya 14:9

UZekariya 8:7, 14:4

Izenzo zaBapostile 1:12

2 KwabaseKorinte 3:3

Hebhere 4:13

Významy biblických slov

Umoya
Because a nearer and stronger divine influx through the heavens disperses truths among the wicked, 'wind' signifies this dispersion of truth and the resulting conjunction...

amadoda
The relationship between men and women is deep and nuanced, and one entire book of the Writings – Conjugial Love or Love in Marriage –...

phakathi
The "midst" of something in the Bible represents the thing that is most central and most important to the spiritual state being described, the motivation...

Unyana
'A son,' as in Genesis 5:28, signifies the rise of a new church. 'Son,' as in Genesis 24:3, signifies the Lord’s rationality regarding good. 'A...

izindlu
A "house" is essentially a container - for a person, for a family, for several families or even for a large group with shared interests...

Utsho
Like "say," the word "speak" refers to thoughts and feelings moving from our more internal spiritual levels to our more external ones – and ultimately...

kuwa
Like other common verbs, the meaning of "fall" is highly dependent on context in regular language, and is highly dependent on context in a spiritual...

yinyama
Flesh has several meanings just in its most obvious form. It can mean all living creatures as when the Lord talks about the flood "destroying...

nkosi
The Lord, in the simplest terms, is love itself expressed as wisdom itself. In philosophic terms, love is the Lord's substance and wisdom is His...

Yehova
The Lord, in the simplest terms, is love itself expressed as wisdom itself. In philosophic terms, love is the Lord's substance and wisdom is His...

Ilizwe
Generally in the Bible a "country" means a political subdivision ruled by a king, or sometimes a tribe with a territory ruled by a king...

Umhlaba
Is there any difference in meaning between “earth” and “ground”? At first it doesn’t seem so; both refer to the soil making up the land...

Intliziyo
The heart means love. A good heart means love to the Lord and to the neighbor while a hard or stony heart means the love...

NguThixo
When the Bible speaks of "Jehovah," it is representing love itself, the inmost love that is the essence of the Lord. That divine love is...

iikerubhi
A Cherub has as its first definition in the dictionary, “A winged heavenly creature.” Cherubim is the plural of cherub. In the Word, the words...

amaphiko
'Wings' signify spiritual truths. 'Wings,' when related to the Lord, signify the divine spiritual. In the opposite sense, 'wings' relate to falsities and rationalizations from...

umzi
In the ancient world cities were very nearly nations unto themselves – they existed within walls, with their own laws and customs, generally centered on...

umbono
The symbolic meaning of "seeing" is "understanding," which is obvious enough that it has become part of common language (think about it; you might see...

Zdroje pro rodiče a učitele

Zde uvedené položky jsou poskytnuty se svolením našich přátel z General Church of the New Jerusalem. Můžete prohledávat/procházet celou knihovnu kliknutím na odkaz this link.


 A Little Sanctuary
Why does the Lord allow parents to feel so helpless at times, when they’re trying to participate in something that is so important to Him?
Article | Ages over 18


Přeložit: