IEksodus 27

Studovat vnitřní smysl

Xhosa     

← IEksodus 26   IEksodus 28 →

1 Uze usenze isibingelelo ngomngampunzi. Ubude baso boba ziikubhite ezintlanu, ububanzi baso bube ziikubhite ezintlanu, sibe mbombo ne isibingelelo; ukuphakama kwaso kube ziikubhite ezintathu.

2 Uze wenze iimpondo zaso ezimbombeni zaso zone, zivele kuso iimpondo zaso; usaleke ngobhedu.

3 Uze wenze neenkamba zaso zokuwola uthuthu lwaso, nemihlakulwana yaso, nezitya zaso zokutshiza, neefolokhwe zaso, neengcedevu zaso zamalahle; zonke iimpahla zaso uzenze ngobhedu.

4 Wosenzela uthango, umsebenzi ongumnatha ngobhedu; wenze emnatheni lowo amakhonkco abe mane ngobhedu eziphelweni zalo zozine;

5 ulubeke phantsi kongqameko olujikeleze isibingelelo, luthabathele ezantsi, lungumnatha, luthi gabhu phakathi esibingelelweni.

6 Uze usenzele izibonda isibingelelo, izibonda zomngampunzi, uzaleke ngobhedu;

7 zifakwe izibonda zaso emakhonkcweni, zibe semacaleni omabini esibingelelo izibonda ezo ekuthwalweni kwaso.

8 Wosenza ngeeplanga, sibe holoholo. Njengoko waboniswa ngako entabeni, mabenjenjalo.

9 Uze uyenze intendelezo yomnquba kwelasezantsi icala ngasezantsi, ibe ngamawunduwundu entendelezo elinen ecikizekileyo, ephothiweyo; ubude becala lilinye boba ziikubhite ezilikhulu;

10 iintsika zayo ezimashumi mabini, neziseko zazo ezimashumi mabini, zibe zezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo ibe yeyesilivere.

11 Kananjalo ngecala lasentla, ebudeni makubekho amawunduwundu aziikubhite ezilikhulu ubude bawo, neentsika zalo ezimashumi mabini, neziseko zaso ezimashumi mabini, izezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo ibe yeyesilivere.

12 Ububanzi bentendelezo ngecala lasentshonalanga boba ngamawunduwundu aziikubhite ezimashumi mahlanu. Iintsika zawo zoba lishumi, neziseko zazo zibe lishumi.

13 Ububanzi bentendelezo ngecala lempumalanga ngasempumalanga boba ziikubhite ezimashumi mahlanu.

14 Amawunduwundu ngelinye icala lesango oba ziikubhite ezilishumi elinantlanu, iintsika zawo zibe ntathu, neziseko zazo zibe zithathu;

15 amawunduwundu ngelinye icala lesango abe ziikubhite ezilishumi elinantlanu; iintsika zawo zibe ntathu, neziseko zazo zibe zithathu.

16 Esangweni lentendelezo soba sisisitheliso seekubhite ezimashumi mabini semisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki. Iintsika zazo zoba ne, neziseko zaso zibe zine.

17 Zonke iintsika zentendelezo eziyijikelezileyo zoba neminqiwu yesilivere; amagwegwe ayo abe ngawesilivere, neziseko zazo zibe zezobhedu.

18 Ubude bentendelezo boba ziikubhite ezilikhulu; ububanzi buhambe buba ngamashumi omahlanu, amashumi omahlanu; ukuphakama kube ziikubhite ezintlanu zelinen ecikizekileyo, ephothiweyo; iziseko zazo zibe zezobhedu.

19 Zonke iimpahla zomnquba, ekusetyenzweni kwawo konke, nezikhonkwane zawo zonke, nezikhonkwane zonke zentendelezo, zoba zezobhedu.

20 Oonyana bakaSirayeli maze ubawisele umthetho wokuba bakuzisele ioli eqaqambileyo yemingquma engqushiweyo, yesikhanyiso, ukuba bamise isibane samaxesha onke,

21 ententeni yokuhlangana, nganeno komkhusane ophambi kwesingqino. UAron noonyana bakhe bosilungisa, kuthabathele ngokuhlwa kude kuse, phambi koYehova; ibe ngummiselo onganuphakade kwizizukulwana zabo, ngenxa yoonyana bakaSirayeli.

← IEksodus 26   IEksodus 28 →
   Studovat vnitřní smysl
Swedenborg

Hlavní výklad ze Swedenborgových prací:

Arcana Coelestia 9710, 9711, 9712, 9713, 9714, 9715, 9716, ...


Další odkazy Swedenborga k této kapitole:

Arcana Coelestia 31, 648, 883, 886, 2405, 2576, 2832, ...

Apocalypse Revealed 270, 322, 342, 392, 450, 487, 493, ...


Odkazy ze Swedenborgových nevydaných prací:

Apocalypse Explained 70, 219, 316, 375, 391, 417, 576, ...

Jiný komentář

  Příběhy:



Skočit na podobné biblické verše

IEksodus 12:14, 17:15, 25:40, 26:36, 27:3, 19, 28:43, 29:9, 12, 30:21, 31:9, 35:17, 38:1, 9, 28, 30, 31, 39:37, 39, 40, 40:4, 6, 8

ILevitikus 3:17, 6:15, 7:36, 10:9, 16:34, 17:7, 23:14, 21, 24:2, 9

Amanani 4:14, 26, 32, 18:23, 19:21, 35:29

1 Samuweli 3:3

1 Kumkani 1:50, 7:40, 45

2 yeziKronike 4:1, 9

UEzra 3:2

IiNdumiso 118:27

UHezekile 40:17, 28, 43:13, 15

Vysvětlení slova/fráze

isibingelelo
The first altar mentioned in the Word was built by Noah after he came out of the ark. On that altar, he sacrificed clean animals...

Ubude
'Length' symbolizes goodness, here, the goodness of the church, for the same reason that 'breadth' symbolizes truth. This is because 'length means the sweep of...

Ukuphakama
'Height' signifies the good and truth of the church in every degree.

iimpondo
'A horn,' when spoken of the Lord, signifies omnipotence. 'The little horn that rose up,' as mentioned in Daniel 7:3-8, signifies the full perversion of...

amakhonkco
'Rings' signify the conjunction of good and truth. In Exodus 25:12, 'rings' particularly signify divine truth with divine good.

phantsi
Generally speaking things that are seen as lower physically in the Bible represent things that are lower or more external spiritually. In some cases this...

icala
'Side' signifies good or spiritual love.

iintsika
A pillar of a cloud by day,' and 'a pillar of fire by night,' as in Exodus 8:21, signifies a state of illustration which is...

Ntathu
The Writings talk about many aspects of life using the philosophical terms "end," "cause" and "effect." The "end" is someone’s goal or purpose, the ultimate...

zine
The number "four" in the Bible represents things being linked together or joined. This is partly because four is two times two, and two represents...

Oonyana
'A son,' as in Genesis 5:28, signifies the rise of a new church. 'Son,' as in Genesis 24:3, signifies the Lord’s rationality regarding good. 'A...

umthetho
To command is to give an order that something must be done, and is directed to an individual, or a group. It is an imperative,...

Isibane
The light of a lamp' signifies illumination from the Lord. A lamp,' as in Revelation 22, signifies natural light from self-derived intelligence. 'A lamp' signifies...

Ngokuhlwa
Since the light and warmth of the sun represent the Lord’s wisdom and love, it makes sense that evening, a time when the light and...

Zdroje pro rodiče a učitele

Zde uvedené položky jsou poskytnuty se svolením našich přátel z General Church of the New Jerusalem. Můžete prohledávat/procházet celou knihovnu kliknutím na odkaz this link.


 Olive Oil for the Lampstand
Coloring Page | Ages 7 - 14

 The Holy of Holies (3-5 years)
Project | Ages 4 - 6

 The Outer Court
Worship Talk | Ages 7 - 14

 The Tabernacle
A New Church Bible story explanation for teaching Sunday school. Includes lesson materials for Primary (3-8 years), Junior (9-11 years), Intermediate (12-14 years), Senior (15-17 years) and Adults.
Teaching Support | Ages over 3

 The Tabernacle (3-5 years)
Project | Ages 4 - 6

 The Tabernacle (6-8 years)
Project | Ages 7 - 10

 The Tabernacle and the Ark (9-11 years)
Project | Ages 11 - 14


Přeložit: