Exodus 25

Studovat vnitřní smysl

Xhosa     

← Exodus 24   Exodus 26 →

1 Wathetha uYehova kuMoses, wathi, Thetha koonyana bakaSirayeli, bandizisele umrhumo.

2 Nowuthabatha umrhumo wam ebantwini bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo.

3 Nguwo lo ke umrhumo eniya kuwuthabatha kubo: igolide, nesilivere, nobhedu;

4 nento emsi nemfusa nebomwu, nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe;

5 nezintsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi;

6 nemingampunzi, ioli yesikhanyiso, ubulawu beoli yentambiso, nobesiqhumiso esiqholiweyo;

7 amatye ebherilo, namatye okufakwe e-efodini, nawobengo;

8 bandenzele indawo engcwele, ndihlale phakathi kwabo.

9 Njengako konke endikubonisa kona: ngokomfanekiso womnquba, nomfanekiso weempahla zawo zonke, ize nenjenjalo ukuwenza.

10 Mabenze ityeya yomngampunzi. Ubude bayo mabube ziikubhite zombini ezinesiqingatha, ububanzi bayo bube yikubhite enesiqingatha, ukuphakama kwayo kube yikubhite enesiqingatha;

11 uyaleke ngegolide ecocekileyo, uyaleke ngaphakathi nangaphandle, uze uyithi jize ngesithsaba segolide;

12 woyityhidela amakhonkco egolide abe mane, uwafake emilenzeni yayo yomine, amakhonkco abe mabini ngeli icala, amakhonkco abe mabini ngelinya icala;

13 wenze izibonda ngomngampunzi, uzaleke ngegolide,

14 uzifake izibonda ezo emakhonkcweni asemacaleni etyeya, ithwalwe ngazo ityeya leyo.

15 Zoba semakhonkcweni etyeya izibonda ezo; maze zingarholwa kuyo.

16 Isingqino, endiya kukunika sona, uze usibeke etyeyeni.

17 Uze wenze isihlalo sokucamagusha ngegolide ecocekileyo. Ubude baso mabube ziikubhite ezimbini ezinesiqingatha, ububanzi baso bube yikubhite enesiqingatha.

18 Uze wenze iikerubhi zibe mbini ngegolide; ukuzenza wozikhanda, zivele eziphelweni zozibini zesihlalo sokucamagusha;

19 wenze ikerubhi ibe nye ivele esiphelweni seli icala, enye ikerubhi ivele esiphelweni seliya, esihlalweni sokucamagusha; wozenza iikerubhi zivele eziphelweni zaso zozibini.

20 Maze iikerubhi ziwolule amaphiko phezulu, zisisithelise ngamaphiko azo isihlalo sokucamagusha, ubuso bazo bukhangelane, bubheke esihlalweni sokucamagusha ubuso beekerubhi ezo.

21 Uze usibeke isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya; ufake etyeyeni isingqino endiya kukunika sona.

22 Ndiya kuhlangana nawe khona, ndithethe nawe ndisesihlalweni sokucamagusha, phakathi kweekerubhi zombini eziphezu kwetyeya yesingqino, ngeento zonke endiya kukuwisela umthetho ngazo koonyana bakaSirayeli.

23 Uze wenze netafile ngomngampunzi. Ubude bayo boba ziikubhite ezimbini, ububanzi bayo bube yikubhite, ukuphakama kwayo kube yikubhite enesiqingatha;

24 uyaleke ngegolide ecocekileyo, uyenzele isithsaba segolide esithi jize.

25 Uze uyenzele udini olungangobubanzi besandla ngeenxa zonke, ulwenzele udini lwayo isithsaba segolide esithe jize.

26 Woyenzela amakhonkco egolide abe mane, uwafake amakhonkco omane ezimbombeni zone ezisemilenzeni yayo yomine.

27 Oba kufuphi nokuhlangana kodini amakhonkco lawo, abe ziindawo zokufaka izibonda zokuyithwala itafile;

28 uzenze izibonda ezo ngomngampunzi, uzaleke ngegolide, ithwalwe ngazo itafile.

29 Uze wenze izitya zayo, neenkamba zayo, neendebe zayo, nemicephe yayo ekuya kuthungwa ngayo; uzenze ngegolide ecocekileyo;

30 ubeke etafileni izonka zokubonisa, phambi kwam ngamaxesha onke.

31 Uze wenze nesiphatho sezibane ngegolide ecocekileyo. Ukusenza, wosikhanda isiphatho eso: isikhondo saso, nesibili saso, neendebe zaso, namaqhina aso, neentyantyambo zaso zivele kwakuso;

32 amasebe amathandathu avele emacaleni aso; amasebe amathathu esiphatho avele kweli icala laso, amasebe amathathu esiphatho avele kweliya icala laso.

33 Zoba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina neentyantyambo, kweli isebe; neendebe ezintathu ezifana neentyantyambo zeamangile, zibe zinamaqhina neentyantyambo, kweliya isebe; makube njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso.

34 Zoba ne iindebe esiphathweni, ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina aso neentyantyambo zaso;

35 ibe liqhina phantsi kwamasebe omabini livele kuso, ibe liqhina phantsi kwamasebe amabini livele kuso, ibe liqhina phantsi kwamasebe amabini livele kuso, abe ngawamasebe amathandathu avelayo esiphathweni eso.

36 Amaqhina awo, namalungu awo avele kuso, sonke siphela masibe ngumkhando omnye wegolide ecocekileyo.

37 Uze wenze izibane zaso zibe sixhenxe, uzimise izibane zaso, zikhanyisele icala elikhangelene nomphambili waso.

38 Nozenza izifinyiso zaso, neengcedevu zaso, ngegolide ecocekileyo.

39 Nosenza ngetalente yegolide ecocekileyo, sona nezo mpahla zonke.

40 Khangela ke, uzenze ngokomfuziselo wazo, owawubona entabeni.

← Exodus 24   Exodus 26 →
   Studovat vnitřní smysl
Swedenborg

Další odkazy Swedenborga k této kapitole:

Arcana Coelestia 308, 648, 716, 1947, 2165, 2576, 2788, ...

Apocalypse Revealed 43, 239, 490, 529, 555, 585, 669, ...

Conjugial Love 75

Sacred Scripture 97

True Christian Religion 260, 284, 323, 707


References from Swedenborg's unpublished works:

Apocalypse Explained 239, 242, 257, 277, 280, 283, 364, ...

Coronis (An Appendix to True Christian Religion) 37

Jiný komentář

  Příběhy:



Hop to Similar Bible Verses

Genesis 2:12

Exodus 15:17, 25:9, 40, 26:30, 34, 27:8, 28:9, 29:42, 45, 46, 30:3, 6, 8, 31:7, 8, 11, 35:4, 12, 13, 36:2, 37:1, 10, 17, 39:32, 36, 37, 42, 43, 40:23

Leviticus 1:1, 16:2, 13, 24:4, 5, 6

Numbers 4:6, 8, 10, 12, 16, 7:89, 8:1

Deuteronomy 10:1, 2, 3, 5

1 Samuel 4:4, 21:5

2 Samuel 6:2

1 Kings 13, 23, 7:48, 49, 50, 8:8, 9

2 Kings 19:15

1 Chronicles 15:2, 15, 22:19, 28:11, 18, 29:5

2 Chronicles 2:3, 3:10, 4:7, 20

Psalms 80:2, 99:1

Ezekiel 10:2, 3, 37:26, 28, 43:6, 7

Zechariah 4:2

Acts of the Apostles 7:44

Romans 3:25

2 Corinthians 8:12

Hebrews 5, 9:1, 2, 4, 5

Revelation 4:5, 11:19

Resources for parents and teachers

The items listed here are provided courtesy of our friends at the General Church of the New Jerusalem. You can search/browse their whole library by following this link.


 Building the Tabernacle (3-5 years)
Project | Ages 4 - 6

 Candlestick Detail of the Lampstand
Coloring Page | Ages 7 - 14

 Cherubim Facing Each Other
Make your own picture of the cherubim facing each other, drawing the wings so that they touch above the ark. 
Project | Ages 7 - 14

 Cherubim on the Ark
Coloring Page | Ages 7 - 14

 Correspondences of Gold
Illustrations of three stories in the Word that mention gold. (Quotations are the King James translation.)
Coloring Page | Ages 7 - 14

 Cut and Fold Model of the Ark of the Covenant
Color and assemble this model of the ark with the cherubim facing each other.
Project | Ages 7 - 14

 Exploring the Tabernacle
Use the beautiful color pictures of the Tabernacle Model (from the Glencairn Museum) to explore the furnishings of the Tabernacle. 
Activity | Ages 7 - 14

 Making a Model of the Ark with a Matchbox
Use a matchbox as a base for this model of the ark.
Project | Ages 7 - 14

 Making an "Oil Lamp"
Make a clay lamp that can have a tea light nestled inside
Project | Ages 4 - 10

 Model of the Ark with a Box
Here is an easy way to make a model of the Ark using a small box. 
Project | Ages 7 - 14

 Moses on Mount Sinai
Coloring Page | Ages 7 - 14

 Overview of Lead and Guide Us Levels A B C for Ages 3-14
Overview of the Youth Journey Program "Lead and Guide Us", Levels A, B and C, for ages 3-14. Suitable for Sunday schools, camps, classrooms and families.
Sunday School Lesson | Ages 3 - 14

 Prayers for Children: Tabernacle of the Lord
Activity | Ages 7 - 14

 Prayers for Teens: Tabernacle of the Lord
Activity | Ages 15 - 17

 Quotes: Tabernacle of the Lord
Teaching Support | Ages over 15

 The Ark of the Covenant
A New Church Bible story explanation for teaching Sunday school. Includes lesson materials for Primary (3-8 years), Junior (9-11 years), Intermediate (12-14 years), Senior (15-17 years) and Adults.
Teaching Support | Ages over 3

 The Ark of the Tabernacle
Coloring Page | Ages 7 - 14

 The Function of Wings
Compare the function of a bird's wings with how the Ten Commandments - and other parts of the Lord's Word - help us.
Activity | Ages 7 - 17

 The Holy of Holies
Worship Talk | Ages 7 - 14

 The Holy of Holies (3-5 years)
Project | Ages 4 - 6

 The Holy Place
Worship Talk | Ages 7 - 14

 The Lampstand
Coloring Page | Ages 7 - 14

 The Lampstand of the Tabernacle
Coloring Page | Ages 7 - 14

 The Tabernacle
Coloring Page | Ages 7 - 14

 The Tabernacle and the Ark (3-5 years)
Project | Ages 4 - 6

 The Tabernacle and the Ark (6-8 years)
Project | Ages 7 - 10

 The Tabernacle and the Ark (9-11 years)
Project | Ages 11 - 14

 The Tabernacle and the Ark of the Testimony
Lesson outline provides teaching ideas with questions for discussion, projects, and activities.
Sunday School Lesson | Ages 7 - 10

 The Tabernacle in Use
Coloring Page | Ages 7 - 14


Přeložit: