IDuteronomi 8

Studovat vnitřní smysl

← IDuteronomi 7   IDuteronomi 9 →     

1 Wonke umthetho endikuwiselayo namhla, ize nizigcine ngokwenu ukuba niwenze, ukuze niphile, nande, ningene nilime ilizwe elo walifungela ooyihlo uYehova.

2 Uze uyikhumbule yonke indlela akuhambise ngayo uYehova uThixo wakho, le minyaka imashumi mane entlango, ukuze akuthobe, akulinge, akwazi okusentliziyweni yakho, ukuba woyigcina imithetho yakhe, akuyi kuyigcina, kusini na.

3 Wakuthoba, wakulambisa, wakudlisa imana, into obungayazi, ababengayazi nooyihlo; ukuze akwazise ukuba akaphili ngasonka sodwa umntu; umntu lo yena uphila ngento yonke ephuma emlonyeni kaYehova.

4 Ingubo yakho ayonakalanga bubudala ikushiye, nonyawo lwakho aludumbanga, le minyaka imashumi mane.

5 Uze wazi ngentliziyo yakho, ukuba njengoko umntu amqeqeshayo unyana wakhe, uYehova uThixo wakho uyakuqeqesha wena;

6 uyigcine ke imithetho kaYehova uThixo wakho, ukuba uhambe ngeendlela zakhe, umoyike.

7 Kuba uYehova uThixo wakho ukungenisa ezweni elihle; ezweni lemilanjana yamanzi, lemithombo namanzi enzonzobila, aphuma ezihlanjeni nasezintabeni;

8 ezweni lengqolowa, nerhasi, neediliya, nemikhiwane, neerharnate; ezweni leminquma yeoli, nobusi;

9 ezweni ongayi kudla sonka kulo uyimbedlenge, ongayi kuswela nanye into kulo; ezweni elimatye asinyithi, elintaba womba ubhedu kuzo;

10 udle, uhluthe, umbonge uYehova uThixo wakho ngenxa yelizwe elihle akunike lona.

11 Zigcine, hleze umlibale uYehova uThixo wakho ngokungayigcini imithetho yakhe, namasiko akhe, nemimiselo yakhe, endikumiselayo namhla;

12 hleze uthi, wakudla uhluthe, wakhe izindlu ezintle, uhlale kuzo;

13 zande iinkomo zakho, nempahla yakho emfutshane, yande kuwe isilivere negolide, yande yonke into onayo:

14 isuke iphakame intliziyo yakho, umlibale uYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka;

15 owakuhambisayo entlango enkulu eyoyikekayo, eneenyoka ezinobuhlungu, noonomadudwane, nebalelelwe lilanga, engenamanzi; owakuvelisela amanzi eweni leqhwitha;

16 owakudlisa imana entlango, into ababengayazi ooyihlo, ukuze akuthobe, akulinge, ukuba akwenzele okulungileyo ekupheleni kwakho;

17 uze uthi ke entliziyweni yakho, Ngamandla am nokuqina kwesandla sam okundizuzise obu butyebi.

18 Uze umkhumbule uYehova uThixo wakho, ngokuba nguye okunika amandla okuzuza ubutyebi; ukuze awumise umnqophiso wakhe abewufungele ooyihlo, njengoko kunjalo namhla.

19 Kothi, ukuba uthe wamlibala uYehova uThixo wakho, walandela thixo bambi, wabakhonza, wabanqula, ndiyaningqinela namhla, ukuba nobhubha kanye.

20 Njengeentlanga uYehova azenze zadaka ebusweni benu, nodaka ngokunjalo, ngenxa enokuba ningaliphulaphulanga izwi likaYehova uThixo wenu.

← IDuteronomi 7   IDuteronomi 9 →
   Studovat vnitřní smysl

Explanation of Deuteronomy 8      

Napsal(a) Alexander Payne

Verses 1-20. All the operations of Providence are directed to obtain eternal happiness for the soul, and it must be constantly borne in mind that all good things come from heaven and none from self.

Swedenborg

Výklad(y) nebo odkazy ze Swedenborgových prací:

Arcana Coelestia 425, 730, 1846, 2702, 2708, 2838, 3941, ...

Apocalypse Revealed 315, 409, 527, 546, 578, 775

True Christian Religion 707, 709


Odkazy ze Swedenborgových nevydaných prací:

Apocalypse Explained 70, 146, 304, 374, 403, 518, 538, ...

An Invitation to the New Church 35

Jiný komentář

  Příběhy:



Skočit na podobné biblické verše

IEksodus 3:8, 13:3, 15:25, 16:3, 15, 35, 17:6, 20:20

ILevitikus 26:27, 39

Amanani 13:23, 21:6

IDuteronomi 1:8, 31, 2:7, 4:1, 5, 26, 5:6, 29, 32, 33, 6:3, 10, 11, 12, 7:11, 8:1, 18, 11:10, 11, 16, 32, 13:6, 29:5, 32:7, 47

Yoshuwa 23:8

Abagwebi 3:7, 7:2, 18:10

1 Samuweli 12:25, 30:23

2 Kumkani 14:10, 18:32

EyokuQala yeziKronike 22:3, 29:12

2 yeziKronike 32:31

Umsebenzi 5:17, 31:25, 42:12

IiNdumiso 103:2, 104:10, 127:1, 136:16

ImiZekeliso 3:11, 17:3

INtshumayeli 12:1

UIsaya 5:1

NguYeremiya 2:6, 7, 7:26, 33, 9:22, 23:27

UHezekile 28:5

UDaniel 4:27, 9:11

UHoseya 13:5

Yoweli 2:26

Amosi 10

UMateyu 4:4

NguLuka 4

NguYohane 6:31, 49

KwabaseRoma 8:28

1 KwabaseKorinte 4:7, 10:3

Hebhere 3:9, 10, 12:5, 6

Významy biblických slov

umthetho
To command is to give an order that something must be done, and is directed to an individual, or a group. It is an imperative,...

Ilizwe
Generally in the Bible a "country" means a political subdivision ruled by a king, or sometimes a tribe with a territory ruled by a king...

Indlela
These days we tend to think of "roads" as smooth swaths of pavement, and judge them by how fast we can drive cars on them....

uthixo
The Lord is called "Jehovah" in the Bible when the text is referring to his essence, which is love itself. He is called "God" when...

Imana
'Manna' signifies the good of celestial love conjoined to wisdom. 'Manna' signifies the good of truth. 'Manna' signifies celestial and spiritual good. Hidden manna,' as...

Unyana
'A son,' as in Genesis 5:28, signifies the rise of a new church. 'Son,' as in Genesis 24:3, signifies the Lord’s rationality regarding good. 'A...

ubhedu
Brass and iron as in Isaiah 48:4 and Daniel 7:19 signify what is hard.

Imithetho
All laws, even civil and judicial laws, which are in the Word, correspond to the laws of good and truth, which are in heaven.

izindlu
A "house" is essentially a container - for a person, for a family, for several families or even for a large group with shared interests...

isilivere
'Silver,' in the internal sense of the Word, signifies truth, but also falsity. 'Silver' means the truth of faith, or the truth acquired from selfhood,...

amanzi
'Waters' signify truths in the natural self, and in the opposite sense, falsities. 'Waters' signify particularly the spiritual parts of a person, or the intellectual...

Amandla
Forces denote the power of truth.

ubutyebi
When the Bible talks about riches, it is talking about spiritual wealth, not worldly wealth – ideas and knowledge about the Lord and spiritual things,...


Přeložit: