IDuteronomi 6

Studovat vnitřní smysl
← IDuteronomi 5   IDuteronomi 7 →     

1 Nguwo lo umthetho, imimiselo ke kwanamasiko, awaniwiselayo uYehova uThixo wenu, ukuba niwufundiswe, niwenze ezweni elo niwelela kulo ukuba nilime;

2 ukuze umoyike uYehova uThixo wakho, uyigcine yonke imimiselo yakhe nemithetho yakhe endikuwiselayo, wena nonyana wakho, nonyana wonyana wakho, yonke imihla yobomi bakho, ukuze yolulwe imihla yakho.

3 Yiva ke, Sirayeli, ugcine ukwenza, ukuze kulunge kuwe, ukuze nande kunene ezweni elibaleka amasi nobusi, njengokuba uYehova, uThixo wooyihlo, akuthethileyo kuwe.

4 Yiva, Sirayeli: uYehova uThixo wethu nguYehova mnye.

5 Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke, nangamandla akho onke.

6 La mazwi ndikuwisela umthetho ngawo namhlanje, aze abe sentliziyweni yakho.

7 Uze uwatsolise koonyana bakho, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho;

8 uwabophe esandleni sakho abe ngumqondiso, abe zizikhumbuzo phakathi kwamehlo akho;

9 uwabhale emigubasini yendlu yakho, nasemasangweni akho.

10 Kothi, xa athe wakungenisa uYehova uThixo wakho kulo ilizwe abelifungele ooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba akunike: imizi emikhulu, emihle, ongayakhanga;

11 nezindlu ezizele zizinto zonke ezintle, ongazizalisanga; namaqula ambiweyo, ongawambanga; nezidiliya nezinquma, ongazityalanga; wadla wahlutha:

12 uzigcine, hleze umlibale uYehova okukhuphileyo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.

13 UYehova uThixo wakho uze umoyike, umkhonze, ufunge igama lakhe.

14 Nize ningalandeli thixo bambi koothixo bezizwe eziningqongileyo;

15 ngokuba nguThixo onekhwele, uYehova uThixo wakho phakathi kwakho; hleze umsindo kaYehova uThixo wakho uvuthe ngakuwe, ukutshabalalise, ungabikho ehlabathini.

16 Nize ningamlingi uYehova uThixo wenu, njengoko namlingayo eMasa.

17 Nize niyigcine niyigcinile imithetho kaYehova uThixo wenu, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, awakuwiselayo; wenze okuthe tye,

18 okulungileyo emehlweni kaYehova; ukuze kulunge kuwe, ungene ulime ilizwe elihle, awalifungela ooyihlo uYehova,

19 ukuba azigxothe iintshaba zakho zonke ebusweni bakho, njengoko wathethayo uYehova.

20 Xa athe unyana wakho wakubuza ngomso, esithi, Zezani na ezi zingqino nemimiselo namasiko, aniwiseleyo uYehova uThixo wethu?

21 wothi kunyana wakho, Sibe singamakhoboka kaFaro eYiputa; wasikhupha uYehova eYiputa ngesandla esithe nkqi;

22 uYehova wenza eYiputa imiqondiso nezimanga ezikhulu, ezibi, kuFaro, nasendlwini yakhe yonke, emehlweni ethu;

23 wasikhupha khona, ukuze asingenise, ukuba asinike ilizwe elo abelifungele oobawo.

24 Wasiwisela umthetho uYehova, ukuba siyenze le mimiselo yonke, ukuba simoyike uYehova uThixo wethu, kulunge kuthi yonke imihla, silondolozelwe ebomini, njengoko kunjalo namhla.

25 Koba bubulungisa kuthi, xa sithe sagcina ukuwenza wonke lo mthetho phambi koYehova uThixo wethu, njengoko wasiwiselayo umthetho.

← IDuteronomi 5   IDuteronomi 7 →
   Studovat vnitřní smysl

Explanation of Deuteronomy 6      

Napsal(a) Alexander Payne

Verses 1-3. The Law is given that the soul may keep it* and thereby attain eternal life. * This looks like a self-evident proposition, but there are some modern theories, misnamed evangelical, which would seem rather to indicate that the Law was given to prove to the soul that it could not be kept, in direct contradiction to the Lord's own words Matthew 5:17-20; 19:17, and elsewhere.

Verses 4-15. The primary commandment of the Law is that there is but one LORD, who must be enthroned as the central object of love and worship in the soul (Mark 12:29-30).

Verses 16-25. Divine Providence must not be murmured against, for all its dealings are constantly directed for the good of the soul to lead it to heaven: it only remains for the regenerate to carry out the Divine commands.

Swedenborg

Výklad(y) nebo odkazy ze Swedenborgových prací:

Arcana Coelestia 396, 1038, 2225, 2842, 2921, 2930, 4197, ...

Apocalypse Revealed 216, 347, 474, 527, 635, 681

Conjugial Love 315

Divine Love and Wisdom 282

Doctrine of the Lord 45

True Christian Religion 6, 81, 297, 369, 697


Odkazy ze Swedenborgových nevydaných prací:

Apocalypse Explained 208, 427, 608, 617, 619, 638, 696, ...

Divine Wisdom 6

Marriage 6, 81

Jiný komentář

  Příběhy:



Skočit na podobné biblické verše

IGenesis 24:3

IEksodus 3:6, 8, 17, 20, 10:2, 12:26, 13:3, 9, 14, 16, 17:2, 7, 20:3, 23:13, 25, 27, 31

Amanani 35:34

IDuteronomi 1:8, 3:18, 4:1, 5, 9, 10, 24, 35, 39, 5:1, 7, 16, 29, 31, 32, 6:2, 10, 18, 23, 24, 7:4, 8:8, 10, 11, 12, 14, 18, 10:12, 20, 11:1, 9, 15, 17, 18, 20, 12:1, 13:4, 5, ...

Yoshuwa 4:24, 22:5, 23:7, 12, 16, 24:13, 14

Abagwebi 2:12

1 Samuweli 7:3

1 Kumkani 8:40

2 Kumkani 17:35, 36, 23:25

2 yeziKronike 15:12, 34:31

UNehemiya 9:25

IiNdumiso 31:24, 37:31, 41:3, 78:5, 7, 86:10, 95:9, 119:2, 4, 13, 30, 135:9

ImiZekeliso 3:1, 7:3, 9:11, 30:9

UIsaya 17:10, 51:7, 65:16

NguYeremiya 4:2, 7:6, 25:6, 32:39

UHezekile 18:9, 37:24

UZekariya 14:9

UMateyu 4:7, 10, 22:37, 23:5

Maka 12:29, 30

NguLuka 4:8, 12, 10:27

KwabaseRoma 2:13

Kwabase-Efese 6:4

1 Yohane 3:7

Významy biblických slov

umthetho
To command is to give an order that something must be done, and is directed to an individual, or a group. It is an imperative,...

uthixo
When the Bible speaks of "Jehovah," it is representing love itself, the inmost love that is the essence of the Lord. That divine love is...

yiva
'To hearken to father and mother,' as mentioned in Genesis 28:7, signifies obedience from affection. 'To hearken,' as mentioned in Genesis 30:22, signifies providence. See...

Sirayeli
'Israel,' in Jeremiah 23:8, signifies the spiritual natural church. The children of Israel dispersed all the literal sense of the Word by falsities. 'The children...

NguYehova
The Lord, in the simplest terms, is love itself expressed as wisdom itself. In philosophic terms, love is the Lord's substance and wisdom is His...

namhlanje
The expression 'even to this day' or 'today' sometimes appears in the Word, as in Genesis 19:37-38, 22:14, 26:33, 32:32, 35:20, and 47:26. In a...

Ilizwe
Generally in the Bible a "country" means a political subdivision ruled by a king, or sometimes a tribe with a territory ruled by a king...

igama
It's easy to see that names are important in the Bible. Jehovah changed Abram and Sarai to Abraham and Sarah, changed Jacob to Israel and...

NguThixo
When the Bible speaks of "Jehovah," it is representing love itself, the inmost love that is the essence of the Lord. That divine love is...

umsindo
Anger is an emotion so common to people that it requires no definition. However a couple of points of interest can be raised. 1) The...

Imithetho
All laws, even civil and judicial laws, which are in the Word, correspond to the laws of good and truth, which are in heaven.

ungene
All changes of place in the Bible represent changes in spiritual state. “Entering” – usually used as entering someone’s house or “going in unto” someone...

Iintshaba
An enemy in the Bible refers to people who are in the love of evil and the false thinking that springs from evil. On a...

Unyana
A child is a young boy or girl in the care of parents, older than a suckling or an infant, but not yet an adolescent....

imiqondiso
'A token,' as in Genesis 9:12, 13, 17, signifies causing it to be.

Zdroje pro rodiče a učitele

Zde uvedené položky jsou poskytnuty se svolením našich přátel z General Church of the New Jerusalem. Můžete prohledávat/procházet celou knihovnu kliknutím na odkaz this link.


 Memory Verse: Holy Is His Name
Activity | Ages 4 - 14

 Obeying the Lord
We really come to belong to the Lord by wanting Him to lead and teach us and by obeying what He commands.
Worship Talk | Ages 4 - 10

 Our Idea of God
Spiritual tasks offer a reflection on a Biblical story and suggest a task for spiritual growth.
Activity | Ages over 18

 Parenting
Spiritual tasks offer a reflection on a Biblical story and suggest a task for spiritual growth.
Activity | Ages over 18

 Parenting Like Angels
In many ways being a parent is like doing the work of guardian angels supporting us in our spiritual growth.
Activity | Ages over 18

 Prayers for Children: King of Kings
Activity | Ages 7 - 14

 The God We Worship
Worship Talk | Ages over 18

 To Learn About the Lord, Look in the Word
Spiritual tasks offer a reflection on a Biblical story and suggest a task for spiritual growth.
Activity | Ages over 18

 True Freedom
"It is the freedom to enjoy such things - the freedom to love the Lord above all, the freedom to love the truth of His Word, and the freedom to love the good in our fellow human beings - it is this which is freedom itself."
Worship Talk | Ages over 18

 What Do We Owe Our Children?
Article | Ages over 18


Přeložit: