IDuteronomi 30

Studovat vnitřní smysl

Xhosa     

← IDuteronomi 29   IDuteronomi 31 →

1 Kothi ke, xa athe eza phezu kwakho onke la mazwi, iintsikelelo neziqalekiso, endizibeke phambi kwakho, wazikhumbula uphakathi kweentlanga zonke, athe wakugxothela kuzo uYehova uThixo wakho,

2 wabuyela kuYehova uThixo wakho, waliphulaphula ilizwi lakhe, njengako konke endikuwisela umthetho ngako namhla, wena noonyana bakho, ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke:

3 wokubuyisa ke uYehova uThixo wakho ukuthinjwa kwakho, abe nemfesane kuwe, abuye akubuthe ezizweni zonke abekuphangalalisele kuzo uYehova uThixo wakho.

4 Ukuba uthe wagxothelwa esiphelweni sezulu, wokubutha nakhona apho uYehova uThixo wakho; wokuphuthuma nakhona apho.

5 Wokuzisa uYehova uThixo wakho kulo ilizwe ababelihluthile ooyihlo, ulime, akwenzele okulungileyo, akwandise ngaphezu kooyihlo.

6 Woyalusa intliziyo yakho uYehova uThixo wakho, nentliziyo yembewu yakho, ukuba umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke, ukuze uphile.

7 Wozibeka uYehova uThixo wakho zonke ezi zishwabulo phezu kweentshaba zakho, naphezu kwabakuthiyileyo, abakutshutshisileyo;

8 ubuye ke wena, uliphulaphule izwi likaYehova, uyenze yonke imithetho yakhe endikuwiselayo namhla.

9 UYehova uThixo wakho uya kwandisa kumsebenzi wonke wesandla sakho, kwisiqhamo sesizalo sakho, nakwisiqhamo senkomo yakho, nakwisiqhamo somhlaba wakho, kulunge; ngokuba uYehova uya kubuya abe nemihlali ngawe, kulunge, njengoko waba nemihlali ngooyihlo:

10 xa uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine imithetho yakhe nemimiselo yakhe, ebhaliweyo encwadini yalo myalelo; xa uthe wabuyela kuYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke.

11 Ngokuba lo mthetho ndikuwiselayo namhla awunto ikunqabeleyo, awukude nokuba kude.

12 Awusezulwini, ukuba uthi, Ngubani na oya kusinyukela ezulwini, asithabathele siwuve, siwenze?

13 Awuphesheya kolwandle, ukuba uthi, Ngubani na oya kusiwelela ulwandle, asithabathele, siwuve, siwenze?

14 Ngokuba ilizwi eli lisondele kunene kuwe, emlonyeni wakho nasentliziyweni yakho, ukuba ulenze.

15 Khangela, ndibeke phambi kwakho namhla ubomi nokulunga, ukufa nobubi;

16 ekubeni ndikuwisela umthetho namhla, ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, ugcine imithetho yakhe, nemimiselo yakhe, namasiko akhe, uphile, wande, akusikelele uYehova uThixo wakho kwelo zwe ungena kulo ukuba ulime.

17 Ke ukuba ithe yajika intliziyo yakho, akweva, wawexulwa, wanqula thixo bambi, wabakhonza:

18 ndiyanixelela namhla, ukuba nobhubha kanye. Aniyi kolulelwa mini zenu kuwo umhlaba, eniwela iYordan nisiya kuwuma.

19 Ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani; ndibeke phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso. Nyula ke ubomi, ukuze uphile, wena nembewu yakho;

20 ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye: ngokuba bubomi bakho, nokolulwa kweemini zakho; ukuze uhlale emhlabeni lowo awafunga uYehova kooyihlo ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wobanika.

← IDuteronomi 29   IDuteronomi 31 →
   Studovat vnitřní smysl

Explanation of Deuteronomy 30      

Napsal(a) Alexander Payne

Verses 1-10 If in any state the soul repents of its evils, and turns to the Lord with the whole heart, all the blessings before enumerated shall be heaped upon it, and all the curses removed far fromit.

Verses 11-14. The simplicity and clearness of the Divine commands.

Verses 15-20. The choice between life and death rests with the soul, and is most plainly set before it.

Swedenborg

Výklad(y) nebo odkazy ze Swedenborgových prací:

Arcana Coelestia 1025, 2039, 3623, 3875, 4462, 8593

True Christian Religion 675

Jiný komentář

  Příběhy:



Skočit na podobné biblické verše

ILevitikus 18:5, 26:40

Amanani 24:9

IDuteronomi 1:8, 4:4, 25, 26, 5:33, 6:2, 5, 7:14, 10:16, 11:1, 16, 26, 28:11, 28, 63, 29:27, 31:17, 21, 32:47

Yoshuwa 23:11

1 Samuweli 12:21

1 Kumkani 8:34

EyokuQala yeziKronike 16:35

2 yeziKronike 30:9

UNehemiya 1:9

IiNdumiso 106:47, 126:1, 147:2

ImiZekeliso 9:11, 12:28

UIsaya 27:12, 43:5, 45:19, 54:7, 62:4

NguYeremiya 21:8, 23:3, 24:7, 30:16, 32:41, 33:9, 42:21

UHezekile 6:9, 11:17, 19, 20, 20:11, 36:11, 24, 27, 37, 39:28

UMika 7:19

UZefaniya 3:17

UZekariya 6:15, 8:7, 10:9

UMateyu 24:31

NguLuka 10:28

KwabaseRoma 2:29, 10:6, 8

1 Yohane 5:3

Významy biblických slov

uthixo
The Lord is called "Jehovah" in the Bible when the text is referring to his essence, which is love itself. He is called "God" when...

ilizwi
'Voice' signifies what is announced from the Word. 'Voice' often refers and is applied to things that cannot have a voice, as in Exodus 4,...

umthetho
To command is to give an order that something must be done, and is directed to an individual, or a group. It is an imperative,...

Ilizwe
Generally in the Bible a "country" means a political subdivision ruled by a king, or sometimes a tribe with a territory ruled by a king...

Imithetho
All laws, even civil and judicial laws, which are in the Word, correspond to the laws of good and truth, which are in heaven.

ulwandle
Water generally represents what Swedenborg calls “natural truth,” or true concepts about day-to-day matters and physical things. Since all water ultimately flows into the seas,...

Ubomi
'Lives' is used in the plural, because of the will and understanding, and because these two lives make one.

Amazulu
"Air" in the Bible represents thought, but in a very general way – more like our capacity to perceive ideas and the way we tend...

Videa od Swedenborg Foundation

Zde uvedená videa jsou poskytnuta se svolením našich přátel ze Swedenborg Foundation. Více se o nich dozvíte zde: swedenborg.com.


Why Does the Bible Say "The Dead Know Nothing?" - Swedenborg and Life

The Bible is divine revelation and yet can seem inconsistent in its message. Swedenborg's study of the language of correspondences can help.

Zdroje pro rodiče a učitele

Zde uvedené položky jsou poskytnuty se svolením našich přátel z General Church of the New Jerusalem. Můžete prohledávat/procházet celou knihovnu kliknutím na odkaz this link.


 Choice
Article | Ages 15 - 17

 Choosing Heaven or Hell
A lesson and activities exploring how our choices lead us towards heaven or hell, day by day.
Religion Lesson | Ages over 15

 Moses Anoints Joshua
Coloring Page | Ages 7 - 14

 Walk in His Ways
Activity | Ages over 15


Přeložit: